UManyisa uthembisa ngokunceda iChippa United esokolayo kwiDStv Premiership

UNeil Andrews no-Oupa Manyisa ngumdlali omtsha weChippa United. ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Izinto aziyihambeli kakuhle iChippa United kwiDStv Premiership – kodwa u-Oupa Mmanyisa uthi uza kuzama ukuncedisana noogxa bakhe ukuze kwenziwe oko kunqwenelwa ngusihlalo weqela uMnu. Siviwe Mpengesi. UManyisa, 32, ubhengezwe yiChippa United njengomdlali wayo omtsha ngoLwesibini emva kwemini wale veki.

Le ndedeba yaseGauteng yayiphakathi kwabadlali abachithwa yiMamelodi Sundowns kunyaka ophelileyo phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo ngenxa yokonzakala okuyincamatheleyo. UManyisa ufika eGqeberha emva kokukhululwa kwakhe yiTshakhuma Tsha Madzivhandila angazange adlale kuyo ngenxa yembambano yezimali. “Ndiyakuvuyela ukuba ngumdlali weChippa,” utshilo uManyisa, otyikitye isivumelwano seenyanga ezimbalwa.

“Okokuqala mandibulele, uThixo, iChippa United nosihlalo ngokuba bendinike ithuba lokuba apha ndimele iqela. Into endingayithetha yile: ndiza kuzama ukuncedisa AmaJita ukuze siphumeze konke okunqwenelwa ngusihlalo,” utshilo uManyisa. Emva kweveki eziqeqesha enkampini yeChippa United, uManyisa uxelele iintatheli ukuba wonwabile ngoba umdlalo wakhe uyadibana noogxa bakhe abatsha nangona enexesha elide engayikhabi ibhola.

“Yonke into ihamba kakuhle. Umdlalo wam uyadibana noko nowoogxa bam abatsha. Akunzimanga ngoba ndiyabazi abadlali abaninzi. Ndidlalile nabanye ngaphambili – kanti abanye ndibazela ebholeni ebaleni. Okundivuyisa kakhulu kukuba ndamkelwe kakuhle kakhulu ngoogxa bam,” utshilo uManyisa.

UManyisa ngumdlali onamava kakhulu emva kokudlalela amaqela afana neSundowns, iPirates neqela lesizwe – kodwa lide ixesha engadlali. Wamkelwe ngovuyo kekambe nguDan Malesela ongonwabanga ncam ngenxa yeChippa United engaqhubi kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership.

“Ndiyakuvuyela ukufika komdlali onetalente namava njengoManyisa. Uza kusinceda njengokuba sijongene nemidlalo yokugqibela kwiDStv Premiership nakwiNedbank Cup. Sizimisele ukulwa ukuze sivale isizini sisendaweni ebhetele,” utshilo uMalesela. IChippa iza kudibana neMaritzburg United emdlalweni weDStv Premiership emalanga ngoMgqibelo.