ULuyolo Nomandela uvuyela ukudlalela iqela lasekhaya!

ULuyolo “Mayana” Nomandela ngumdlali omtsha weChippa United. Umfanekiso: Chippa United

Nangona uMnu. Siviwe Mpengesi edume ngokugxotha abaqeqeshi ebholeni ekhatywayo – kodwa kwicala lokunika abantu amathuba wokuphila akanantanga. Ekuqaleni kwale veki, uMpengesi wothuse umzi ngethuba esazisa ukuba uLuyolo “Mayana” Nomandela ngumdlali omtsha weChippa United.

Ukufika kukaNomandela kulandele ukuqeshwa kukaLuc Eymael njengomcebisi oyintloko – kodwa osele egxothiwe emva kwesankxwe ngenxa yezityholo zobuhlanga eTanzania.

UMayana, 31, odlalele iFree State Stars, iMamelodi Sundowns neBafana Bafana, unethuba elide engasabonakali ebholeni kwinqanaba eliphezulu – kodwa ngoku unikwe ithuba elitsha lokuziphuthuma kwakhona yiChippa United. Le nzalelwane yaseNgqeleni inesiphiwo sokudlala esingumangaliso.

Omnye umdlali onikwe ithuba lokuvuselela isakhono sakhe nguThamsanqa Sangweni. “Ndichulumancile kakhulu kwaye ndinebhongo kukuba lapha kwam. Ndibulela usihlalo, abaqeqeshi nabaphathi beqela ngokundithemba,” utshilo uNomandela.

Njengokuba iChippa United isedabini lokulwela ukuphepha izembe xa kuphela isizini, amadoda anamava njengoNomandela afuneka ngakumbi. Kwiveki ezayo ngoMvulo, iChippa iza kulwela amanqaku amathathu xa idibana neSundowns emdlalweni weDStv Premiership oza kube useSisa Dukashe Stadium. UNomandela uthi iqela lakhe elitsha kufuneka liphumelele yonke imidlalo yalo ukuze lisinde ezembeni.

“Ndiya kuvuyela ukudlalela iqela lasekhaya. Ndibulela ngakumbi usihlalo weqela ngoba wathi kum: Mhlekazi, eli lithuba lakho lokuzibonakalisa. Sidlala neDowns ehamba phambi kwiDStv Premiership.

“Into endingayithetha mna kukuba sidinga amanqaku amathathu kuyo yonke imidlalo. Amalungiselelo ahamba kakuhle. Wonke umntu wonwabile futhi uzimisele njengokuba kukho umqeqeshi omtsha,” utshilo uNomandela.

Nangona uLuc Eymael obe kulindeleke athathe iintambo egxothiwe kwakhona ngoLwesithathu, umqeqeshi obambeleyo nguSiyabulela Gwambi – obengumncedisi kaDan Malesela ogxothiweyo emva kokubethwa kweChippa ngo’5-1 yiMaritzburg United kwiveki ephelileyo.

Kukho amahum-hum athi iChippa United ithetha noShakes Mashaba – kodwa akukabikho nto eqinisekisiweyo okwangoku.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: Stellenbosch vs AmaZulu @Danie Craven Stadium, 17:00

Mgqibelo: Cape Town City vs SuperSport United @Cape Town Stadium, 15:00; TS Galaxy vs Tshakhuma FC @Emirates Airline Park Stadium, 17:00

Cawe: Golden Arrows vs Bloemfontein Celtic @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:00; Swallows vs Black Leopards @Dobsonville Stadium, 17:00