UNdlondlo liqhawe leTshakhuma FC etshatsheleyo kwiNedbank Cup!

Ndabayithethwa Ndlondlo of Tshakhuma FC celebrates goal with teammates during the 2021 Nedbank Cup Final match between Tshakhuma FC and Chippa United at the Free State Stadium in Bloemfontein on the 08 May 2021 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ziintshatsheli zeNedbank Cup ezintsha iTshakhuma Tsha Madzivhandila emva kokuba ibethe iChippa United ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obutshisa eFree State Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Iqhawe leqela laseLimpopo sisiququ esifutshane, uNdabayithethwa Ndlondlo, ofake igowuli ngebhola ayikhabe ekude yabetha kuFrederic Nsambiumva yamshiya ethe natya phantsi u-Ismail Watenga kwisigaba sokuqala somdlalo.

Noxa iChippa United idlale umdlalo ophucukileyo kwisigaba sesibini – kodwa iTshakhuma yeyona eye emdlalweni izilungiselele kakuhle futhi inesicwangciso sokuphumelela esicacileyo.

Ifake igowuli kwa kwisigaba sokuqala, emva koko yalikhusela kwade kwaphela umdlalo. Khange ifumane mathuba maninzi iChippa – oko kukodwa kucacisa gca isizathu esibangele ingaphumeleli.

Isiqingatha sokuqala besivutha. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela laseLimpopo liphala phambili ngegowuli elinye eqandeni. Lo nto yenzeke emva kwexesha elide iTshakhuma FC izama.

UNdlondlo ukhabe ibhola ekude yabetha emdlalini weChippa yangena emnatheni emzuzwini wamashumi amabini anesithandathu. Igowuli elifumeneyo iTshakhuma ilifumene ngexesha elifanelekileyo ngoba ibihlasela ngamandla.

Phantse sonke isiqingatha sokuqala isidlale yodwa, iChippa khange imkhabele unozinti weTshakhuma. Unozinti weChippa, u-Ismail Watenga, oko exakeke ukusukela emzuzwini wesihlanu kwisigaba sokuqala somdlalo.

UThabo Mnyamane ngoyena mdlali obeyingxaki nakubeni ebedlala ekunene elinxele. Ibe phantsi koxinizelelo zisuka iChippa eye yazama ukuqinisa indlela edlala ngayo emva kokuba kufakwe igowuli. Bekucacile ukuba ifuna ukuwutsala umdlalo kungekho gowuli.

UThabo Rakhale, obesuka kwiChippa kwisizini egqithileyo, ukhabe intambula yebhola – kodwa ifike ehleli uWathenga ezipalini zakhe zisuka kwisigaba sesibini. Umdlalo weChippa uye waphucuka kakhulu kunesiqingatha sokuqala.

Ibeke ibhola phantsi isiya phambili isebenzisa isantya. Ngelishwa into ebenzima ku-Augustine Kwem ibe kukusebenzisa ithuba elincinci – phofu bekunzima ngoba ebegadwe ngamadoda afana no-Alfred Ndengane.

Emva kwakhe uKurt Lentjies akakwazanga ukufumana ibhola entle ebigotywe ekunene. Efika nje kwisigaba sesibini, u-Anthony Laffor ongene endaweni kaKwem, unyanzele uWashington Arubi ukuba abambe ibhola.

Usompempe akayinikanga iChippa ipenela u-Ayabulela Konqobe erhecwe ngonyawo entloko ebhokisini. Ayikwazanga ukufumana igowuli iChippa, ngalo ndlela iTshakhuma iye yaphumelela ngo’1-0 yatsho yaziintshatsheli zeNedbank Cup yafumana nezigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million).