Kuvalwe izikroxo ezirhaxa abafundi ngotywala

KUVALWE imizi yentselo engekho semthethweni emithandathu eshishina kufuphi nesikolo iDinizulu Senior Secondary eNcembu, eUgie, kule veki emva kweengxelo zokuba abafundi besi sikolo bayaphazamiseka kumsebenzi wabo wesikolo ngenxa yotywala.

Kule veki iBhodi elawula ukuthengiswa koTywala eMpuma Koloni (Eastern Cape Liquor Board) ityelele lo mmandla ngeenjongo zokuthethana noluntu kwakunye nabafundi malunga nobungozi bokusebenzisa utywala gwenxa nangokungekho semthethweni.

Isithethi sale Bhodi, uGqr. Mgwebi Msiya, uthi inqununu yaseDinizulu Senior Secondary, uLungile Sabhokhwe, idize ukuba kukho izehlo zabafundi abazisa utywala ngaphakathi esikolweni.

Abafundi baseJamangile SSS eUgie becaciselwa ngobungozi bokusebenzisa ngokungekho semthethweni utywala UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Kukwabikwe nokuba abazali babantwana baseDinizulu SSS kwakunye neJamangile SSS, phantsi kwesithili saseUgie, bathumela abantwana abangaphantsi kweminyaka evumelekileyo ekuseleni utywala ukuba bayothenga utywala.

EDinizulu SSS, uSabhokhwe uxelele iSABC News ukuba kukho abafundi abathathu abakhulelweyo, nto leyo ekubonakala ukuba uyikhomba kwizimilo ezidalwa kukusetyenziswa gwenxa kotywala.

Abafundi baseJamangile SSS eUgie becaciselwa ngobungozi bokusebenzisa ngokungekho semthethweni utywala UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Sibize bonke oosomashishini abathengisa utywala kule ndibano (yangoLwesibini) kwaye abo baneempephamvume zokuthengisa utywala bazinikele ngelithi baza kuvala xa kutshona ilanga, ngeentsuku zonke.

“Sikwazinikele ngelithi umhloli (inspector) wethu wotywala, esebenzisana namapolisa, uza kuqinisekisa ukuba akukho kuthengiswa kotywala ngokungekho semthethweni okuza kuphinde kwenzeke kwakhona,” utshilo uMsiya.

UMsiya uthi kule mizi yentselo eshishina ngokungekho semthethweni, amapolisa abuthathile utywala ze abo babandanyekayo kolu shishino babanjwa kwaye kulindeleke ukuba bavele phambi kweenkundla zamatyala.