Iphumelele iCAF Champions League kwakhona iAl Ahly ezihambele lula kwiChiefs

UWillard Katsande weKaizer Chiefs esilwela ibhola no-Akram Tawfik we-Al Ahly emdlalweni weCAF Champions League Final obuseMohamed V Stadium. Umfanekiso: Fareed Kotb/BackpagePix

Lenze imbali kwakhona iqela laseYiphutha, iAl Ahly, emva kokuba libethe iKaizer Chiefs ngo’3-0 emdlalweni weCAF Champions obubanjelwe eKing Mohamed V Stadium ebusuku namhlanje. Ukuphumelela kwe-Al Ahly kuthethe ukuthi iphakamise indebe yeChampions League izihlandlo ezilishumi ngaphezulu kwawo onke amaqela ezwekazi le-Afrika. Amakhosi azamile ukuxhathisa kwisigaba sokuqala – kodwa kuwaqhwalelisile kakhulu ukukhutshwa kukaHappy Mashiane ngekhadi elibomvu emva kokunyathela kakubi umdlali we-Al Ahly sesiphelile isigaba sokuqala. Kwisigaba sesibini, iAl Ahly ibidlala yodwa kwaye ikwazile nokuyixhaphaza iChiefs ebisenza iimpazamo emva.

Isiqingatha sokuqala siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini nangona ibikhona imbinana yamathuba. Amakhosi aqale umdlalo kakuhle ade afumana nekona emizuzwini yokuqala emdlalweni. Izamile ukuya phambili iAl Ahly iyibeke phantsi ibhola, isebenzisa isantya. Ayibuyanga nanto kwiinzame zayo ngoba uMulomowandou Mathoho noDaniel Mathoho bebetshayela kwanto. Abadlali beKaizer Chiefs bahlanganise iibhola kwakhona baya phambili, bafumene uSamir Nurkovic otsale imbumbulu ethe qelele – kodwa ifike yahlala ezandleni zikaMohamed El Shenawi ibhola yakhe.

Ekuhambeni kwexesha, umdlalo wamakhwenkwe kaPitso Mosimane uye wakhula. Nangona ibhola ka-Ayman Shraf iphume ecaleni kweepali – kodwa ibikukuqala kokufudumala kwe-Al Ahly. Abadlali be-Al Ahly basebenzise amaphiko kakhulu ebekukho kuwo uRama Mphahlele noReeve Frosler. Umdlalo weChiefs ebumhle ekuqaleni – kodwa into ebembi kukulahla kwayo ibhola lula nekhadi elibomvu elinikwe uHappy Mashine onyathele kakubi umdlali we-Al Ahly. UStuart Baxter uqale isiqingatha sesibini ngoKhama Billiat ongene endaweni kaNkosingiphile Ngcobo ongakhange abonakale kwisigaba sokuqala. Emva kokubhutyuza kwabadlali beChiefs emva, uMohamed Sherif ubeke ibhola emnatheni emzuzwini wamashumi amahlanu anesithathu.

Ukungabikho komdlali omnye kwiChiefs kwenze kwanzima kakhulu kuyo ngoba iAl Ahly liqela elikuthandayo ukugcina ibhola kulo. Iphinde yenza impazamo kwakhona iChiefs emva, yohlwaywa kabuhlungu ngu-Ayman Ashraf ofake igowuli elihle emzuzwini wamshumi amathandathu anesine. UMathoho uye wathandabuza endaweni yokuleqa ibhola ebisendaweni embi, idibene no-Ashraf wabetha into egqithe entla kukaDaniel Akpeyi akakwazi ukuyibamba. Emva koko abadlali beChiefs abakwazanga ukudlala kakuhle ngoba ukuzithemba bekungasekho kubo.

Emzuzwini wamashumi asixhenxe, u-Amro Elsoulia ufake igowuli lesithathu elicime kwa ntlantsi yethemba kwiChiefs. Uzamile kekambe uBilliat ukwenza imigudu – kodwa ibingekho indlela yokugqobhoza kwi-Al Ahly ebizityela itheko. Wenze imbali uPitso Mosimane ngokuba ngumqeqeshi wokuqala ophumelele iCAF Champions League izihlandlo ezithathu emva kokuba iAl Ahly ebethe iKaizer Chiefs ngo’3-0. Amakhosi abuyela ekhaya nelize emva kwelinge lawo lokuqala kwiChampions League ekhe yaphunyelelwa ngamaqela afana ne-Orlando Pirates neMamelodi Sundowns apha eMzantsi Afrika.

Kaizer Chiefs: Daniel Akpeyi, Ramashwe Mphahlele, Mulomowandau Mathoho, Daniel Cardoso, Samir Nurkovic, Njabulo Blom, Willard Katsaande, Nkosingiphile Ngcobo, Happy Mashiane, Reeve Frosler, Bernard Parker.

Amalalela: Bruce Bvuma, Anthony Agay, Lazarous Kambole, Leonardo Castro, Khama Billiat, Yagan Sasman, Philani Zulu, Siphosakhe Ntiya-ntiya, Siyabonga Ngezane.

Al Ahly: Mohamed EL Shenawi, Hamdy Fathy, Mohamed Sherif, Ayman Ashraf, Badr Benoun, Hussein Elshahat, Amro Elsoulia, Mohamed Moursy, Ali Maaloul, Akram Elhagrasi, Taher Mohamed Taher.

Amalalela: Ali Mostafa, Mahmoud Wahid, Yasser El Hanafi, Mahmoud Soliman, Marwan Tharwat, Aliou Dieng, Salah Shalabi, Oluwafemi Ajayi, Mohamed Eldemerdash.