‘Le bhasi ibonakalisile ukuba ayikho kwimeko elungileyo’

OMNYE wabebekhwele ibhasi ebulele abantu abangaphaya kwamashumi amabini emva kokubhukuqa kumajikojiko aseNciba kuN2 ngenjikalanga yangoMvulo, uthi le bhasi ikubonakalisile ukungabikho kwimeko elungileyo kodwa umqhubi wayicenga.

Le ngozi yenzeke emva kokuba umqhubi webhasi ethe waphulukana nolawulo ze ibhasi yakhalala umgaqo.

Ingozi yebhasi eNciba kuN2 UMFANEKISO: FACEBOOK/ UNATHI BINQOSE

“Bendisuka eKapa ndisiya eNgcobo. Le bhasi ibonakalisile sisengaphaya [eKapa] ukuba ayikho kwimeko elungileyo kuba ibibane ibanamagingxigingxi,” utshilo lo mkhweli, ethetha kwindawo yexhwayelo, kushicilelo olupapashwe kuFacebook wesebe lezothutho ephondweni.

Isithethi sezothutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi amagosa oncedo lokuqala abahlangule abantu abonzakeleyo ze baleqiswa ezibhedlele. Abanye abantu abasindileyo kule ngozi abadange basiwa esibhedlele ngenxa yobume bemeko.

Emva komsebenzi wokuhlangulwa kwabonzakeleyo, kuye kwaqalwa ngomsebenzi wokuthathwa kwabo basele bebhubhile. Kwababhubhileyo kuquka nomqhubi, utshilo uBinqose.

Ingozi yebhasi eNciba kuN2 UMFANEKISO: FACEBOOK/ EC DOT

Ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa inani lababhubhileyo belibalelwa kumashumi amabini anesixhenxe abo babhubhileyo.

Inani eliqinisekisiweyo lababhubhileyo kusenzima ukulitsho de kuhlangulwe bonke abo bagaxeleke kule ngozi, utshilo uBinqose.