‘Thixo usikelele uMboneleli wethu’

INKOSI esandula ukombathiswa eMthwaku eNgqamakhwe ithi irhalela ukubona umzila wenkqubo yezothutho oluqilima ukuze abantu bayo bathabathe inxaxheba kwiintshukumo zoshishino ngaphandle kokungqongwa yimingeni yezothutho.

UNkosi Mboneleli Mkhatshane ebencokolela I’solezwe lesiXhosa kwiveki ephelileyo, ngethuba esombathiswa ethabatha ubukhosi kuyise uLizo Vulindlela Mkhatshane ophethe ukusuka ngo1982 de kwango2018 ukukhothama kwakhe.

UNkosi Mboneleli Mkhatshane kwikhaya lakhe eMthwaku kwilali yaseTunga eNgqamakwe Umfanekiso : BHEKI RADEBE

UMkhatshane uthi kwindawo akukho zindlela okanye inkqubo yezothutho eluluqilima.

“Abantu bendawo endiyikhokeleyo ndinqwenela ukuba bangasokoli ngokwenkqubo yezothutho kawonkewonke. Abantu bale ndawo, kuquka nabafundi, bayasokola kakhulu ngento yokukhwela. Abafuna ukuya eGcuwa okanye eDutywa kufanele ukuba bafumane into yokukhwela ethembekileyo nenganiki zingxaki,” utshilo uMkhatshane.

Le nkosi ikwathe ifuna iintshukumo zophuhliso kwindawo yayo.

“Ndijonge ukuba kubekho iintshukumo zophuhliso ezifana neeprojekthi apha kwesi sizwe sikaMkhatshane. Siyayazi ukuba siziinkosi sinokungahoyeki. Ewe siyafuna ukusebenzisana norhulumente, kodwa yonke into mayenziwe ngentlonipho.

“Ulutsha lwale ndawo luhleli nje alunanto yokwenza. Ndiza kuzama kangangoko ukuba ulutsha lwale ndawo lube nento yokwenza. Urhulumente siza kusebenzisana naye ukuqhuba imiba yophuhliso.

Bekuyimincili koomama ngethuba kombathiswa uNkosi Mboneleli Mkhatshane kwilali yaseMthwaku eNgqamakwe Umfanekiso: BHEKI RADEBE

USodolophu waseMnquma uSithembiso Ncetezo, obezimase umsitho wokombathiswa kwale nkosi, uthi bazimisele ukusebenzisana nale nkosi.

“Yimini yeemini le kuba umsitho onje asingomsitho oxhaphakileyo. Siyinxalenye nalo msitho kuba iinkokheli zemveli zisondele kurhulumente wasemakhaya ngokwentsebenziswano.

“Iinkokheli zemveli zizo ezisondeleyo ebantwini, ngoko ke lo nto ithetha ukuba zizo ezifutshane neengxaki zabantu bazo,” kutsho uNcetezo.

Bekuyimincili koomama ngethuba kwembathiswa uNkosi Mboneleli Mkhatshane kwilali yaseMthwaku eNgqamakwe: Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Umhlali waseMthwaku, uNotsawe Dyani, uthe: “Inkulu into esiyenzelwe nguVulindlela. Sihleli singenankosi emva kokukhothama kwakhe. Ngoku siza kusebenzisana nenkosi yethu entsha. Akukho zindlela zintle kwindawo yethu. Into esiyifunayo kukuba uThixo asikelele inkosi yethu.”