iThunderbirds Ladies etsalanzima ilwela iTop 4 kwiSuper League

Umqeqeshi weThunderbirds Ladies, uMnu. Thembalethu Apleni, uthi iqela lakhe lilwela ukuvala isizini liphakathi kwamaqela amane aphambili kwiHolywood Bets Super League. Oku ukuthethe emva kokuba iThunderbirds ibethe iGolden Ladies ngo’1-0 kwiveki ephelileyo. Impumelelo ithathe iqela laseGcuwa yalibeka kwindawo yesixhenxe. “Injongo yethu kukuvala isizini sikwiTop 4. Ukuba siyiphosile, ngeke isiphathe kakubi lo nto – kodwa yeyona ndawo esiyifunayo siyiThunderbirds,” utshilo uApleni encokola nentatheli yeli phephandaba. Itsalanzima iTunderbirds kwiSuper League ngoba liqela elinganikwa inkxaso eliyifaneleyo ngumasipala nangoosomashishini.

Kufuneka icukuceze imalana encinci eyifumana kwiSafa ukuze ikwazi ukubhatala iimoto zokuya emidlalweni. Nangona iqela linika abantwana abangamantombazana ithuba lokukhula ebholeni ekhatywayo – kodwa ukungaxhaswa kwalo kwenza umsebenzi ube nzima kakhulu. “Uhambo lwethu belunzima ukusukela ekuqaleni kwesizini. Lo nto iye yabangela sihlale ezantsi ixesha elide kwiSuper League. Ihambile imidlalo singaphumeleli. Kodwa emva kokudlala neFirst Touch FC, sidlale imidlalo emithandathu singaphulukanga namnye umdlalo. Sidlale ntanganye emidlalweni emithathu, saphumelela emithathu. Lo nto isinika ithemba kakhulu,” utshilo umqeqeshi.

Nangona iThunderbirds ilelinye lamaqela asweleyo kwiSuper League – kodwa abadlali bayo badlala ngokuzimisela ebaleni kwaye bafuna into enye emidlalweni yabo, ukuphumelela qha. “Siya kwiDurban Ladies emdlalweni ezayo. Iza kuza kuthi ikelemile ngoba ibikhe yasezantsi nayo. Asiyifuni enye into emidlalweni ngaphandle kwamanqaku amathathu. Indlela esilwa ngayo emidlalweni isinika ithemba elikhulu noxa sikhe saphazanyiswa kukumiswa kwemidlalo ngenxa yeKhorona. Asikabuyeli kwindlela ebesidlala ngayo phambi kokubiswa kwemidlalo yeSuper League,” utshilo uApleni.