Imidlalo yeRugby Championship iza kugqityezelwa eQeensland

ULukhanyo Am weSpringboks esokoliswa ngabadlali be-Argentina emdlalweni weRugby Champioship obuseNelson Mandela Bay Stadium kutshanje. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Zithe xibilili izibilini kubaqeqeshi beqela lesizwe loMzantsi Afrika emva kokuba iAustralia ivumile kudlalelwe imidlalo yokugqibela yeRugby Championship. Bekukhe kwakho ukungaqiniseki emva kokuba urhulumente waseNew Zealand evale zonke iindlela ezingenayo ngenxa yamanani akhulayo okosulelwa kwabantu yiKhorona. Ngethamsanqa, isithili saseQueensland siluthathele kulo uxanduva lokusingatha umjikelo owokugqibela weCastle Lager Rugby Championship emva kokuba AmaBhokbhoko ebethe iArgentina izihlandlo ezibini zilandelelana. Iqela likaJacques Nienaber lintingela eQueensland namhlanje – apho kulindeleke liqubisane neAustralia emdlalweni oza kube useCBUS Super Stadium.

Emva kwalowo umdlalo, uMzantsi Afrika uza kudlala umlenze wesibini ne-Australia ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga ezayo (kweyoMsintsi) eSuncorp Stadium, eBrisbane. Yakusongwa leyo imidlalo, kwakulandela imidlalo emibini ejongwe ngamehlo abomvu nguMzantsi Afrika neNew Zealand ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga yoMsintsi. Umqeqeshi weSpringbok uvuye kakhulu xa kusithiwa imidlalo yeCastle Lager Rugby Championship iza kuqhubela phambili. “Sonelisekile kukuva ukuba imidlalo yeRugby Championship iza kuqhubela phambili ngokwesicwangciso eAustralia,” utshilo uNienaber, osaphulukene nomdlalo omnye njengomqeqeshi weSpringbok.

“Ngoku siza kutsho sikwazi ukwenza amalungiselelo wemidlalo kakuhle. Sifuna ukuqinisekisa ukuba abadlali bayilungele ngokwasengqondweni yomine imidlalo. Kuyasivuyisa ukudibana neAustralia neNew Zealand emva kokuqhuba kakuhle sidlala ne-Argentina,” utshilo uNienaber. Abadlali boMzantsi Afrika neArgentina baza kuhamba kunye ukuya eAustralia. Xa befika, baza kuvalelwa ndawonke ngokomthetho obekelwe ukunqanda ukunwenwa kweKhorona. Umqeqeshi uthe uza kuqinisekisa ukuba abadlali baya emidlalweni elandelayo behlaziyekile kwaye beyilungele imidlalo yomine. Emva kokubetha iBritish & Irish Lions apha eMzantsi Afrika kutshanje, ukubetha iAustralia neNew Zealand ingayinto enkulu kakhulu kuNienaber neqela lakhe.