Bafuna alwele ekhaya uFuzile abaphathi beRumble Africa Promotions

Imbethimanqindi yaseDuncan Village, eMonti, iza kufumana ithuba lokulwela ekhaya. Umfanekiso: Facebook

Abaphathi benkampani yabathelekisi, iRumble Africa Promotions, bachulumancile emva kokuba imbethimanqindi yabo, uAzinga Fuzile, inikwe ithuba lokulwela itayitile yehlabathi kwiveki ephelileyo. UFuzile waseDuncan Villages, eMonti, kuthiwe makalwe noKenechi Ogawa emlweni we-IBF junior lightweight. Ngumlo lo obuza kuba phakathi kukaKenechi Ogawa noShavkat Rakhimov – kodwa ochithiweyo kuba uRakhimov esonzakele. Abaphathi bakaFuzile bawa bevuka ngelizama ukuqokela inkxaso-mali ukuze akwazi ukulwela ekhaya phambi kwabalandeli bakhe.

Ingqonyela yeRumble Africa Promotions (RAP), uNksz. Nomfesane Nyatela, uvumile ukuba likhona ithuba lokuzisa umdlalo eMzantsi Afrika. “Ewe, silinikiwe ithuba lokuzisa umlo ophakathi kukaFuzile no-Ogawa apha eMzantsi Afrika. Sizimisele ukuqinisekisa ukuba iyenzeka lo nto. Sicela inkxaso yoosomashishi noRhulumente ukuze uFuzile akwazi ukulwela ekhaya,” utshilo uNyatela kumajelo eendaba. Nangona kunzima ukufumana imilo ngenxa yeKhorona eswantsulisa izizwe zehlabathi – kodwa uFuzile usakhuthazekile emva kokubethwa uMartin Ward emlweni obuseMelika kwinyanga kaCanzibe kulo nyaka. Ukudibana noRakhimov yeyona nto ekunokwenzeka ukuba irhalelwa nguFuzile.

La madoda mabini anomba ongakapheli ukusukela mhla uRakhimov wothusa umzi ngo-2019 ngokubetha uFuzile owayengekabethwa emilweni yakhe. Umlo onoKenechi Ogawa wawukhe wazanywa kwiminyaka edlulileyo – kodwa zange uphumelele. Kukhangeleka ngathi izinto ziza kuhamba kakuhle kweli tyeli. UFuzile ebekhe wangundabamlonyeni emva kokubandakanyeka kwingozi yemoto kwinyanga yeThupha – kodwa zange onzakale kakhulu kuyo. Kanti bekukhe kwakho ixhala elikhulu emanqindini phambi koko emva kokubandakanyeka kukaZolani Tete kwenye ingozi yemoto eMdantsane.