Ozifundise ukuzoba ufundisa abanye

UKwanele Lennox Bacela wakuCofimvaba owazifundisa ngokwakhe ukuzoba. Ngoku ukwiphulo lokufundisa abanye mahala. UMFANEKISO: Uthunyelwe.
Abanye babantwana baseKraaifontein abafundiswa mahala ukuzoba nguBacela.

Ozifundise ngokwakhe ukuzoba engakhange akuyele sikolweni, uKwanele Lennox Bacela waseQhumanco kwilali yakwaNonqodi kuCofimvaba, osele ezenzele igama eNtshona Koloni, ukwiphulo lokufundisa ukuzoba mahala abantwana baseKraaifontein apho sele esaziwa ngemizobo yakhe.

UBacela (35) uthi intsokolo nokutsala nzima ayifumene ekukhuleni kwakhe ngethuba efuna ukulandela isakhono sakhe sokuzoba, akafuni ukuba abeza emva kwakhe basokole njengaye. Uthi kungoko evule amathuba kubantwana belokishi ahlala kuyo ekubeni abaqhuqhe beselula kwenzele kube lula ukulandela esi sakhono xa bephumelela uGrade 12.

“Okwehlele mna andifuni kuphinde kwehlele omnye umntwana womgquba kuba ndiyayazi xa sele unentshisakalo kwinto ube ungenazo phofu iimpiko. Ukufika kwam apha eKapa ndiye ndaqaphela ukuba ayindim ndodwa onesi sakhono kwaye kuninzi okwenzeka apha, abantwana bangena bebancinci kwizinto ezigwenxa kanti xa ndimane ndibadibanisa, ndibafundisa kukho abakufundayo kwaye bayasinda nasezintweni,” utshilo uBacela.

Uthi nezikolo zokuzoba ziyabiza kakhulu, imali leyo angenayo, kwaye zikude kunalapho ahlala khona.

Umka kwakhe eCofimvaba, uye wayokusebenza njengonogada eGoli, nalapho ebemane ezoba encedisa umvuzo wakhe. Uthi uthe akubona ukuba noko upolishekile waya eKapa apho afike waphila ngokuzoba imifanekiso yabantu. Uthi uvuka aye edolophini afike axhome imizobo yakhe kwaye azobe nabantu ngemali eyiR150. Uthi xa luluhle usuku uyakwazi ukugoduka nemali encumisayo futhi uyakwazi nokukhe agoduke engathengisanga. Uthi uyabazoba oosopolitiki noosaziwayo.

UBacela uthi esikolweni xa wayefundiswa ukubhala igama lakhe kwa-A wavele wazoba into entle eyothusa ootitshala ingelilo igama eli wayelifundiswa. Uthi zange akufundele ukuzoba koko yintshisakalo kuye ngaphakathi.

“Mna ndizoba ngemehlo, ukuba undidibanise nelidi nencwadi ndiyatyibilika de ndigqibe. Ukuba unesiphiwo ekuzobeni akho mfuneko yasikolo. Koko limehlo elibukhali, intliziyo, ixesha kwanokuzinikela,” utshilo uBacela.

UBacela uthi ukhule esenza lo nto yokuzoba, ezoba kwanto ngaphandle komntu. Uthi uqale ngo2013 ukuzoba umntu, eqala ngobuso bukaNelson Mandela obusemalini. Uthi wabona abantu bemncoma, watsho waqhubekeka nokuzoba abantu.

Aba bantwana abafundise ukuzoba ekuhlaleni balishumi elinanye. Kubo mnye osele eziqaqambisile ngemizobo yakhe nguElethu Ntshongwana (12).

UBacela uthi oku kuyamvuyisa kuba yeyona njongo yakhe le ukuba kubekho imbewu ayityalayo emva kwakhe ekuzobeni.

UBacela uthi iinjongo zakhe kukubuyela kweli phondo azokuqhuqha izakhono zabazobi.