ANC: ‘Ngexesha lonyulo Mkhwebane?’

UMBUTHO iANC eMpuma Koloni uthi ukukhutshwa kwengxelo yoMkhuseli woLuntu edyobha iinkokheli zephondo kuwenza uzibuze kutheni ikhutshwa “ngexesha lonyulo loorhulumente basemakhaya?”

Le ngxelo, ebhengezwe nguAdvocate Busisiwe Mkhwebane, ngoLwesihlanu (08 kweyeDwarha), ifumanise ukuba kubhunyulwe iR1.1 million kumasipala waseMbizana (osele usaziwa njengeWinnie Madikizela-Mandela ngoku), mali leyo athi uMkhwebane yaya ngokungafanelekanga kwizandla zeNkulubaphathiswa noSihlalo weANC uOscar Mabuyane, uNondyebo weANC noMphathiswa uBabalo Madikizela kwakunye neANC ephondweni.

Advocate Busisiwe Mkhwebane UMFANEKISO: BONGANI SHILUBANE

Ngokwengxelo kaMkhwebane, uMabuyane kuthwa ufumene ngokungafanelekanga imali eyiR450 000, uMadikizela yayiR350 000 ze iANC yephondo yafumana iR280 000.

Le mali, ngokwengxelo, yayihlelelwe inkonzo yesikhumbuzo kamam’ uMadikizela-Mandela ngo2018.

Ingxelo ephuma kuMkhwebane ithi le mali yeR450 000 yaya kulungiso lwendlu yomzi kaMabuyane eMonti. Kodwa uMabuyane uyakuphika oku, esithi yena waboleka imali kuMadikizela.

Oscar Mabuyane UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Kwimbalelwano ekhutshwe kule veki, iANC ithe: “Kungelishwa ukukhutshwa kwale ngxelo xa kanye kungexesha lonyulo loorhulumente basemakhaya.”

“Le ngxelo kwanexesha ekhutshwe ngalo igqamisa ingcamango yokuba uMkhuseli woLuntu uthe gabhu kwipolitiki yangaphakathi (kwiANC) kwakunye nezigqubu zangaphandle zepolitiki,” utshilo unobhala weANC ephondweni uLulama Ngcukayitobi.

UNgcukayitobi uthi le ngxelo kaMkhwebane ibigqityiwe kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo.

Kodwa iOfisi yoMkhuseli woLuntu, ngokwesithethi uOupa Segalwe, iphindisile kula mabango eANC isithi “awanasihlahla”.

“Umbuzo efanele ukuzibuza wona iANC ngowokuba ingaba yaxhamla na kwimali eyabhunyulwa kumasipala neyayihlelelwe ukuthutha abazili basiwe kwinkonzo yesikhumbuzo kaNksk. Winnie Madikizela-Mandela,” utshilo uSegalwe.

USegalwe ukwawaphikile amabango okuba le ngxelo yayigqitywe kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo, esithi ngenyanga yeKhala kulo nyaka, bekukhona bafumana impendulo kwabanye babantu ababandanyekayo kolu phando.

“Xa zonke iingxelo (zeempendulo) zingene iqela lophando kuye kufuneke liziphengulule, lenze uphando futhi liqiniseke ngomgangatho wazo,” utshilo uSegalwe.

UNgcukayitobi uthi uMabuyane noMadikizela baza kuzisa phambi kwekomiti yalo mbutho ehlola ukuziphatha kwamalungu.

Babalo Madikizela UMFANEKISO: FACEBOOK

Kusenjalo, uMabuyane noMadikizela bakwavakalise ukuba baza kuyidlulisela ezinkundleni zomthetho le ngxelo nanjengoko bebanga ngelithi izele izikroba.

AmaKomanisi asephondweni athi izityholo zobuqhophololo yinto enobuzaza kakhulu, atsho esithi izindululo zeANC mayelana nezehlo zobuqhophololo zifanele ukumiliselwa ngaphandle kokujongwa igama.