UTat’ uNgumbela ebengusomashishini okwasisicaka sabantu

Amahashe aphalayo kuBhomela, eDutywa. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngempelavi usomashishini owaziyo, uMnu. Mthetheleli Ngumbela, osweleke kwiveki ephelileyo. Ingxelo ithi uTat’ uNgumbela, 81, usutywe kukufa emva kokubandakanyeka engozini yemoto esiya emzini wakhe eDutywa esuka ngaseGcuwa. Ukudlula kwakhe emhlabeni kuwothusile kakhulu umzi, ngakumbi kwezoshishino nakwezemidlalo. Nangona uTat’ uNgumbela wazalelwa eNxukhwebe – kodwa ebeneencambu ezinzulileyo kwezoshishino eDutywa naseGcuwa. Ngaphandle kokuba ngusomashishi ophume izandla, ebekwanguye nomncedi wabantu. Ngemali ayenze kwiivenkile zakhe zemifuno, iziqhamo nezilarha, uncede abantu abaninzi ngokwakha iicawe amabala afana neNgumbela Cricket Oval Stadium (Nxukhwebe), iDutywa Stadium, iNgxakaxha Sports Field (Dutywa), kwaMadubela Sport Field (Xesi), iMsobomvu Stadium (Gcuwa) neBhomela Horse Racing Track (Dutywa).

Zonke ezo zinto wazenza ngemali yakhe ngoba ebengumntu oyithandayo into entle nozibopheleleyo kuphuhliso lwabantu basezilanini. Eminyakeni embalwa edlulileyo, uTat’ uNgumbela wazibophelela ekufunquleni umdlalo wamahashe emva kwehashe ekuthiwa ‘Andazi’ elagqugqisa kwiBerlin November ngonyaka ka-2016. Wakhupha imali epokothweni wathi makubekho umdrarho omkhulu wamahashe eDutywa kuba kwakungqinitywa uAndazi ngabantu baseBerling nakwiindawo ezingqongileyo. Zange aphelele apho uNdlovu, wakhe ibala lokuphalisela amahashe kuBhomela. UMnu. Nkunzi Ntantala, umnikazi ka-Andazi, uthi soze ayilabale into ayenzelwe nguNdlovu emdlalweni wamahashe. “UNgumbela wandichola ndichithwe embuthweni wamahashe emva kokuphumelela kuka-Andazi ngo-2016,” utshilo uNtantala.

“Wayivuyela into esiyenzileyo kwiBerlin November watsho esithi mandiqhube uza kuba secaleni kwam. Senza umbutho wamahashe obuphantsi kwakhe. Wasenzela ibali lokuphalisela amahashe wethu. Into esingazange sayiboni isenziwa ngoosamshishini abamnyama. Emva koko uchithe imali esondele kwisigidi serandi (R1-million) kwiitumente zamahashe eDutywa. Usishiya esinike imali eyiR250 000 athe kufuneka idlalelwe kulo nyaka. Loo mali (R250 000) wathi kufuneka idlalelwe rhoqho iminyaka engamashumi amabini. Njengomntu obesebenza naye, kunyanzelekile ndingayiyeki itumente yamahashe. Usweleke siququzelela umdyarho omkhulu wamahashe asuka elizweni lonke obuza kuba kwiveki ezayo,” utshilo uNtantala.