UJacques Nienaber umbuyisele endaweni yakhe uRassie Erasmus

URassie Erasmus, obekhe wahlala ekhaya emva kokumangalelwa yiWorld Rugby, noJaques Nienaber baza kusebenza kunye kutyelelo lwaseYurophu. Umfanekio: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika, AmaBhokobhoko, lindulukele kwilizwe laseFrance – apho liza kuhlala khona enkampini ixeshana phambi kokuqala kwemidlalo ebalulekileyo. AmaBhokoboko akutyelelo eYurophu kwaye alungiselela imidlalo enzima aza kudlala yona namazwe afana neScotland, iNgilane neWales. Emdlalweni wokuqala wovavanyo, uMzantsi Afrika uza kuqubisana neqela eliyingozi, iWales, ngomhla wokuqala kwinyanga yeNkanga kwibala ekuthiwa yiPrincipality Stadium, eCardiff. AmaBhokobhoko abuyela enkomeni kwakhona emva kokudlala namazwe afana ne-Australia neNew Zealand kwiCastle Lager Rugby Championship yalo nyaka.

Iintshatsheli zehlabathi ziza kujamelana namazwe aseYurophu imimoya iphezulu emva kokubetha iNew Zealand kutshanje nangona zingakwazanga ukukhusela indebe yeRugby Championship. Umqeqeshi weSpringbok, uJacques Nienaber, uchonge amashumi amathathu anesibini abadlali, abakhokelwa nguSiya Kolisi, azimisele ukulwela impumelelo ngabo. “Siya kutyelelo esilindele lubenzima kuthi. Ngamaqela amathathu asemgangathweni ophezulu esiza kudibana nawo. Iqela ngalinye kuwo liza kudlala ngendlela eyahlukileyo kwelinye. Iimeko esiza kudlalela phantsi kwazo ebaleni azahlukanga kwesikhe sadlalela kuzo emidlalweni egqithileyo,” utshilo uNienaber phambi kokuhamba kweqela lakhe.

Umdlalo oza kutsala umdla wabantu kakhulu ngolowo uphakathi koMzanti Afrika neNgilane eyagoduka isophisa emdlalweni wokugqibela wetumente yehlabathi eJapan ngo-2019. “Abadlali bayakuvuyela ukudlalela eYurophu kwakhona. Sagqibela ukudlala neNgilane neWales kwitumente yehlabathi. Silindele alwe ngamandla loo mazwe ngoba aza kube edlalela phambi kwabalandeli awo,” utshilo uNienaber, olebele ngelithi iqela lakhe liza kudlalela ukufumana iziphumo ezihle. Okumnandi ngotyelelo loMzantsi Afrika kukuba uza kukhatshwa nguRassie Erasmus obekhe wamangalelwa yiWorld Rugby ebikhe yammangelela ngokugxeka usompempe. UNienaber uthe uRassie uza kuhlala nabanye abaqeqeshi.