Ukuguqula isiMpondo usise esiXhoseni, uguqule isiXhosa usise kwisiNgesi

UMPHATHISWA weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye, ukhuthaze ababhali beli phondo ukuba baxabise ukusebenzisa ulwimi lwabo xa bebalisa imbali echaphazela bona.

UNkomonye ebethetha eSteve Biko Centre eGinsberg eQonce kwiveki ephelileyo apho iSebe belibambe khona umsitho wokubhiyozela amaqhawe oluncwadi.

“Sinoxanduva lokubalisa amabali wethu ngeendlela ngendlela. Akukho nto ebaluleke njengokusebenzisa ulwimi lwakho xa ubalisa ibali,” kutsho uNkomonye.

UMphathiswa uFezeka Nkomonye Umfanekiso: BHEKI RADEBE

“Xa ndisenza umzekelo ndiqhele ukuthi ndiyintombazana ekhulele emaMpondweni, lo nto ke indenza ndibeliMpondokazi. Kulula kum ukubalisa into eyenzekileyo, ndiyibalise ngesiMpondo endaweni yesiXhosa.

“Xa ndiyibalisa ngesiXhosa, ndisebenzisa ulwimi lomnye umntu. Kubanzima kakhulu ke xa ndibalisa ngesiLungu, kuba kufuneka ndiguqule isiMpondo ndisise kwisiXhosa ze emva koko ndisise kwisiLungu,” utshilo uNkomonye.

UNkomonye uthi ababhali badlala indima ebaluleke kakhulu ekugcinweni kwezithethe, kwaye banoxanduva lokuqinisekisa ukuba imbali ayitshintshi ngokwemvelaphi yayo.

“Xa imbali yethu (thina bantsundu) ibaliswa ngabeLungu, iye itshintshe imvelaphi yayo. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba indumasi yesiXhosa ayipheleli endleleni okwezithukuthuku zenja.

“Sikhuthaza umgangatho kumabali wababhali. Incwadi yomntu mayezithengise ngokwayo, ingabiloxanduva lwesebe lwethu,” utshilo uNkomonye.