UBakadela womeleza abaxhwalekileyo ngencwadi yakhe

UNkosinathi Bakadela waseGqeberha odibene neengxaki zobom eseneminyaka elishumi kuphela, ezo ngxaki de zabe zibangela ukuba ayokunqunyulwa imilenze ngoogqirha emva kokungaphili iminyaka emithathu, kumenze wabhala incwadi ethi Overcoming Adversity, ebalisa ngamahlandenyuka akhe.

UBakadela, nonkaba yakhe iseMatshona eNtabankulu, uthi ubumnandi bokukhula njengabanye abantwana akazange abuve kuba wayehlutshwa yimpilo. Uthi ukhulele esibhedlele kuba ebengena ephuma de bafikelela kwisigqibo sokuba isuswe imilenze yakhe oogqirha.

Uthi kodwa abazali bakhe zange bavume ukutyikitya isivumelwano sokuba isuswe imilenze yakhe.

“Emva konyaka ndiphumile kwaye bengavumanga abazali bam ndaye ndaphila ngenxa yeenceba zikaThixo. Ndabuyela esikolweni ndimdala ndinjalo kuba iintanga zam kule minyaka mithathu zazisele zipasile. Kodwa kuba ndandizazi ukuba ebomini ndifuna ntoni zange ndibanjezelwe yilo nto. UGrade 12 ndamphinda kathathu nalapho zange ndiphele mandla,” utshilo uBakadela.

UBakadela uthi kule ncwadi kuninzi akubhalileyo kwaye unethemba lokuba iya kukhuthaza abaninzi nanjengoko injongo yayo esithi yeyokukhuthaza abalahlekelwe lithemba.

“Kulo nto uThixo akuphe yona zama uziqaqambise kuyo kuba iindlela asinike zona kuba sizihambe kulo mhlaba azifani.”

UBakadela uthi kungoku nje uphumelele ebomini, uyasebenza kwaye uyazihambela ngemilenze yakhe yomibini. Lo mbhali usaqhubeka nokufunda apho enza izifundo zoMthetho eGqeberha. Sele ifumaneka le ncwadi, xa unomdla ungamtsalela ku0730763420

UBakadela uthi uza kukhupha enye incwadi yesibini ekupheleni konyaka ka2022 ayiphekayo ethi ‘Found a Purpose In Life’.