Asinayo kwaGojela le khovodi’

Abahlali belali ebizwa ngokuba kuKuloGojela, ephezu kolwandle lwaseQhorha Mouth kuGatyana, bathi bayiva ngembali le nto kuthethwa ngayo yentsholongwane ebulalayo iCovid-19.

Le lali ithe qelele, isemaphandleni kuba uhamba into engapha kweeyure ezimbini xa usiya kolu lwandle uphuma kwidolophu yakuGatyana.

Omnye wabahlali baKuloGojela, oncokole nephephandaba I’solezwe, uMyboy Mvoti (51) uthi zange kwabakho nomnye umntu elalini yakhe ekuthwa ufunyenwe yile ntsholongwane kwaye akukho nowabhubhayo. Uthi ziyaphela iinyanga ezintandathu nonyaka nakakade kungakhange kuyiwe edolophini ngenxa yobude bendlela. UMvoti uthi ukuba kude kwedolophu yabo yakuGatyana kubasindise kulo bhubhane.

“Besiye sithi xa sisedolophini sibe sifundekelwa ukuba masifake isimuku sibe singenaso neso simuku kuba kaloku asazi nto yasimuku. Besisothuka naxa ujikwa evenkileni kuthwe sukungena ungenasimuku.

Apha sisekupheleni, besisiva kusithiwa iyabulala makusanithayizwe kufakwe izimuku kwaye kutyiwe imihlonyane, besingenzi nenye kwezo kuba besiyazi akukho nto isidibanisa naKhovodi. Umhlonyana besihleli siwusebenzisa siphila ngawo xa umntu enomkhuhlane, siwutyalile kwaye sakhula ngawo. Isimuku sisigqibela pha edolophini hayi apha emakhaya kuba sikhuselekile siyimiqabaqaba igqabi leviniga, asibikwa hlaba,” uvale ngelo uMvoti.

Omnye wabahlali osebenza ngokuloba iintlanzi elwandle, uZithulele Kalipa, uthi bayiva emaphepheni, kumabonakude nakunomathotholo le nto yeCovid-19, abayazi kweyabo indawo kuba bakhuselekile abayuruzi zidolophini. UKalipa uthi bakholelwa ukuba iCovid-19 ingafikanga nje kubo inokuba ityiwa lulwandle lwabo iQhorha Mouth. UKalipa uthi bayayiqonda ukuba ikhona kwaye iyabulala kuba babhubhile abantu besiva ereyidweni. Uthi bayazifaka iimaski xa besiya edolophini nangona nje bezilibala.

Aba bahlali bathi bagonyile, zazifikile iimoto ezigonyisayo kwaGojela ziqokelela abantu. Bakwadiza ukuba kwathwa ukuba abagonyanga abazukwazi ukuthenga edolophini.

Le ntsholongwane xa ibizwa kule lali kuthwa yiKhovodi.