Ubalisa ngentlungu yokuba livezandlebe

IBALI elibalisa ngentlungu nempathekombi yevezandlebe, liphathwa kakubi zizihlobo kunye noluntu lokuhlala, libaliswa kwincwadi ebhalwe nguYamkela Ntwalana.

Kule ncwadi ethi Intlungu Yevezandlebe, uNtwalana ubalisa ngomlinganiswa ogama linguSicelo, apho athi azibone elixhoba lokulandwa ngabo azalwa kunye nabo kunye nosapho luphela.

USicelo uthi azibone sele egxothwa kulo mzi kuba kusithiwa akazalwa kuwo ngokupheleleyo. Bamxhaphaza ngokwasemoyeni de bathathe zonke izinto zakhe kuba befuna ukuba amke kweli khaya.

“Ulwa ke elo dabi angalaziyo kuba yena ezazi njengelungu elipheleleyo laloo mzi. Iphumela le ngxabano nakumfazi wakhe,” kutsho uNtwalana ebalisela I’solezwe lesiXhosa ngokuqulethwe leli bali.

Ivezandlebe ngumntwana ozalwa ngumfazi, ezaliswa yenye indoda akusweleka umyeni wakhe.

“Le nto ke ithi ichaphazele kakhulu abo bakhulela emizini abangazalwa kuyo. Yinto ke le nto ekudingeka ukuba kukhe kuhlalwe phantsi ilungiswe. Eli bali likwahlaba ikhwelo lokuba kukhe kuqwalaselwe izithethe ezithile ezingasahambelani nala maxesha siphila kuwo,” kutsho uNtwalana.

UNtwalana uthi uthe akubona indlela abantwana abaphathwa ngayo kumakhaya abakhulela kuwo angangowabo, wachukumiseka.

“Kwiindawo esihlala kuzo sinako ke ukuba sibalande, sibabukule, sibabize ngamagama azizenyeliso. La magama athi alumeze ingakumbi kwabo bazibona bekuloo meko de omnye abe lixhoba leziyobisi, omnye ashiye nekhaya elo. Abanye ke base bathabathe izigqibo eziqatha ngokuthatha imiphefumlo yabo. Sibe siluluntu sithule singathethi ngezi zinto. Abe wona amaxhoba exheleka emphefumlweni, ephila ngokungcungcutheka, ” kubalisa lo mbhali okwayititshala nembongi.

Uthi ngelixa ebhala eli bali bexhelekile emphefumlweni eyinyama, kodwa kwelinye icala benalo noloyiko.

“Xa ubhala ibali uye uzifake ezihlangwini zomlinganiswa ngamnye, uphile loo mlinganiswa. Bekuvuseleleka umnyele ke nalapha kum kuba ndilivezandlebe mna kuqala, kodwa noxa yona le mpatho ndingazange ndayifumana,” kutsho uNtwalana.

Uthi ukubhala kwakhe le noveli ngo2016 bemana esenza uphando olunzulu ngezinto ezininzi.

“Kuba kaloku kufuneka uzise imbiza evuthiweyo eluntwini. Ndiyigqibe ngo2020 yaze yapapashwa ngo2021 yiNkuthalo Media yahlelwa nguMzoli Mavimbela,” kutsho uNtwalana.

Lo mbhali uzalelwe kwilali yakwaLindile eMthatha. Isakhono sokubhala uthi wasifumana esenza amabanga aphantsi apho wayebhala imibongo yesiXhosa.

Uthi isakhono sakhe siqaqambe ngakumbi ngethuba eseYunivesithi eWalter Sisulu, wabe ekwakhuthazwa kukuhlohlwa ngootitshala abangababhali nabo.

UNtwalana ukwavule iqumrhu lababhali abangabafundi eHoly Cross High School.

Le titshala ikwangumbhali wencwadi yengqokelela yemibongo ethi Tyatyadula Siba Lwam. Le ncwadi uyibhale nomfundi onguMbasa Gogotya.

Iincwadi zakhe zezesiXhosa kuba efuna ukunqanda ukutshabalala kwesiXhosa.

“Ndingumntu oluxabise kakhulu ulwimi lwethu lwesiXhosa. Ndithe ndakuqaphela, ndabona ukuba olu lwimi luye lutshabalala kuba kungenelele iilwimi zasentshona. Abantu abaninzi abasaluxabisanga. Ngokubhala kwam ngesiXhosa kuziinzame zokunqanda ukutshabalala kolu lwimi lumnandi ngolu hlobo kuba kaloku inkcubeko yesizwe ixhomekeke kulwimi, ” uzithethelele watsho.

UNtwalana uthi ukubhala incwadi yeyona mvakalelo imnandi.

Uthi xa ubhala ufumana ulwazi olungummangaliso, uchubeke, ube ngumphandi, ube ngumgcinimasiko kwaye kukwenza ukuba usondelelane kunye nabanye ababhali.

“Akuyo nto ilula ke kodwa kuba kufuneka uzinikezele kuko ukubhala kwaye wenze nophando mihla le. Kukwenza ukuba ukhule ngokwasengqondweni.”

Amaphupha walo mbhali kukubona iincwadi zakhe zifikelela kuye wonke umntu, zingene ezikolweni kuba ziqulathe iimfundiso.

“Omnye umnqweno kukuzibona ndibhala amabali aya kuthi alinganiswe nakumabonakude. Ukubona inani lababhali abatsha lisonyukela ngakumbi kwaye kubekho ubumbano apha ebabhalini, sifumane nenkxaso emandla kurhulumente.”

Le ncwadi kaNtwalana ifundwa kwinkqubo ethi Ufundo Lwencwadi kuMhlobo Wenene, kwaye oku kumenza achulumance lo mbhali.

“UBulelani Koyo undifundela kamnandi kakhulu de kube ngathi nam ndiyaqala ngqa ukuyiva. Enye into endonwabisayo kukuba iyafikelela ebantwini abaninzi kunye nakwabo bangakwaziyo ukuyithenga,” uthethe watsho.

Ofuna le ncwadi angatsalela umnxeba kule nombolo engu: 0733900921 okanye uyifumane eVan Schaik eyivenkile yeencwadi kwilizwe lonke.