Imithandazo kaDumza Maswana ivakele

INKQUBO kaDumza Maswana yomngqungqo, iza kuba liqonga lokudyusha iimvumi ezisakhasayo kwaye idlale umculo weemvumi zasekhaya.

Esi sisithembiso sikaMaswana oza kusasaza ngendyondyo inkqubo yeJazz yoMhlobo Wenene FM ngale Cawa.

UMaswana, naye okwayimvumi yeJazz, ngomnye wamazwi amatsha aqeshwe nguMhlobo Wenene kulo nyakamali oqala ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi.

Ungena ezihlangwini zikaElvis Mali oqhube le nkqubo iminyaka eliqela emva kokuthabatha iintambo kuMam’ uSylvia Mdunyelwa.

“Uthando lwam lomculo kunye nothando lukanomathotholo luye lwalungelelaniswa njengoko ndiza kube ndisabelana ngolwazi lwam nabaphulaphuli kwaye kwangaxeshanye ndifunde kubo, ” kubhala uMaswana kumaqonga onxibelelwano.

Le mvumi, 39, enkaba iseBirha, eNgqushwa, ithi ukufumana lo msebenzi kanomathotholo kuthetha ukuba kuvalwa isikroba ekudala inaso sokulambela ukusasaza.

“Ukulambela unomathotholo kwam kuye kwakhula, bendiye ndiyokuhlala nabasasazi estudiyo, ndibabukele besenza into yabo,” ubhale watsho.

“Bendihlala noLulu Haarmans, uElvis Mali kuquka uAmaza noBongs [Nqiqi] kwistudiyo sabo esiseRhawutini – leyo mhlobo wam, biyindlala yokwenene,” kutsho uMaswana.

Uthi ushicilele iidemo, waze wathengisa nangeembono anazo [ngonomathotholo] kubaphathi bakanomathotholo ukuze bamqaphele, oku ukwenze iminyaka eliqela, kodwa xa kunamhlanje iminqweno yakhe ide yabe iyafezekiswa.

UMaswana uthi ukhuthazwe ngabasasazi beJazz abaliqela, abafana noIke Phaahla, Collin Kgari, Nothemba Madumo, Brenda Sisane, uKG Moeketsi noNicky B.

“Ndiwongekile ukuba kwindawo enye nabo, kwaye ndiyathemba ukuba ndiya kunyukela kwinqanaba labo. Ndibamba ngazibini kubaphathi besi sikhululo ngeli thuba,” uqhube watsho.

UMaswana kuMhlobo Wenene uza kwenza noFundo Lwencwadi.

Ukwathi ufumene imiyalezo emininzi yokuvuyisana naye esuka kwizihlobo, abalandeli bomculo wakhe kuquka noosaziwayo kwezosasazo.

Le mvumi ithi baninzi abantu enokubabulela abathe bayilola ukuze ifikelele kwindawo ekuyo namhlanje, kwabo bantu kukho owayenguMphathi weTruFM, uThobeka Buswana.

“Njengoko waba ngumntu wokuqala ukundinika ithuba lam lokuqala kunomathotholo ngo2015, njengelizwi lesitishi. Le ndima ibumbe ikhondo lam kunomathotholo ngeendlela ongenakuze uzazi,” kutsho le mvumi edume ngengoma ethi Molo.

UMaswana uthi kule nkqubo yakhe yeJazz uza kudlana iindlebe neemvumi zeJazz, iiprodyusa kuquka nabathandi balo mculo.

Ungaphoswa kuMhlobo Wenene ngeCawa ukuqala ngentsimbi yeshumi ebusuku.