Ofuna imbasa yeSATMA makangenele ngoku!

IIMBASA zeSouth African Traditional Music Achievements (SATMA) ziyaqhuba nakulo nyaka, zifuna ukuwonga imisebenzi yabo bathe bagqama kumculo wesintu, inkcubeko kwanokugcina okulilifa kuthi.

IiSATMA zimema iimvumi kumaphondo olithoba, iiprodyusa kuquka neembongi ukuba zizityumbele ezi mbasa.

Nakulo nyaka iiSATMA ziza kusingathwa liphondo laseMpumalanga. Yiminyaka emithathu ilandelelana ezi mbasa ziqhutyelwa kweli phondo. Lo ikwangunyaka weshumi elinesixhenxe (17th) kususela oko uGqr. Dumisani Goba wasungula ezi mbasa.

Abaxhasi beeSATMA, iSebe lezobuGcisa, iMidlalo noLonwabo eMpumalanga kwakunye neSABC, baza kubamba ezi mbasa phantsi komxholo othi My Culture, Your Culture, One Nation.

IiSATMA ziye zivulele amagcisa azityumbele kumabakala aquka umbhaqanga, iimbongi, amaqela omxhentso, ireggae, umculo wesiXhosa, isiNdebele, isiTsonga, amaNdiya, isiSotho, isicathamiya namanye.

Abatyunjwa baza kuvulelwa ukuqala ngowe22 kweyoKwindla de ibe ngumhla wokuqala kweyeSilimela 2022.

Abangenelayo bayacelwa ukuba basithumele ngobuxhakaxhaka be-online isicelo sabo ngokugcwalisa ifomu efumaneka kwiWebhusayithi yeeSATMA engu-www.satmaawards.co.za.