Kubhiyozelwa amanina ngomculo eGqeberha

AMANINA kufanele abhiyozelwe kwaye abulelwe yonke imihla, hayi ngenyanga yeThupha kuphela. Kungenxa yoku iMahambehlala Communications igqibe kwelokubhiyozela amanina kusengethuba eGqeberha.

Le khonsathi, ebizwa Gqeberha Divas Concert – A Tribute to Women yikhonsathi yomculo engokubhiyozela, ukumanyanisa, ukuxhasa nokuxhobisa amanina.

Esi siganeko sesinye esisingise kumnyhadala iEbubeleni obanjwa ngoDisemba.

“Le minyaka mibini idlulileyo ibichaphazele ngamandla ubuGcisa, iNkcubeko neMicimbi yoLonwabo, kodwa siqhubekile nokuqinisekisa ukuba umlilo awucimi ngokudala amathuba omsebenzi, ukunika iimvumi zasekuhlaleni iqonga nokuba negalelo kuqoqosho lweNelson Mandela Bay, ngoku sizama ukwakha iqonga lolonwabo kwakhona,” kutsho uMarc Mahambehlala onguMququzeleli weMicimbi neNgqonyela yeMahambehlala Communications.

Abaququzeleli bakholelwa ukuba iimvumi ziza livuyela ithuba lokufumana umsebenzi kwesi sixeko nanjengokuba ilizwe liqala isiqalo esitsha.

IMahambehlala Communications ithi ngokwenza olu hlobo lwekhonsathi ifuna ukulwa neziganeko zempatho gadalala ezisekelezelwe kumanina, ezithande ukuxhaphaka elizweni njengombulalazwe owolekela ikhorona.

Kule khonsathi kuza kutshila imvumikazi ezalelwe eGqeberha, uAmi Faku ekhatshwa nguThoko oyimvumi yeAfro-Soul, uLorna Targaryen kwakunye noZazmoney.

Umbhexeshi eqongeni ngumsasazi weTruFM uSima Fiyo.

Lo mcimbi ungoLwesihlanu we29 kuTshazimpuzi 2022 eThe Gallery on Produce. Iingcango zivulwa ngentsimbi yesithandathu emalanga.

Le khonsathi ixhaswa yiNational Arts Council of South Africa, Eastern Cape Parks & Tourism Agency, iNkqubela FM zibambisene neMahambehlala Communications.

Amatikiti afumaneka eWebtickets ngokutyelela kwa: www.webtickets.co.za nasePick n Pay ngeR200 ngelixa ukuhlala kwiVIP kuxabisa iR300