Abathengi bayabongozwa babuyisele izilungisinwele

Iinombolo zeebhetshi
iDark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine relaxer 125 ml

IKomishoni yeSizwe yabaThengi (iNCC) iye yabongoza abathengi abaneDark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine Relaxer 125 ml ukuba bayeke ngokukhawuleza ukusebenzisa imveliso kwaye bayibuyisele kwindawo yokuthengisa ukuze babuyiselwe imali epheleleyo.

Umenzi weDark and Lovely wazisa iKomishoni ngokubuyisela le mveliso emva kwezikhalazo eziliqela ezivela kubathengi.

UMkomishinala oBambeleyo, uThezi Mabuza, uthe umenzi uL’Oréal wazise iKomishoni ngokurhoxisa le mveliso.

UMabuza ubongoze abemi boMzantsi Afrika abaphethe iDark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine Relaxer 125 ml ukuba babuyisele imveliso kwindawo ababeyithenge kuyo ukuze babuyiselwe imali.

“Siyaqonda ukuba isiganeko esizimeleyo kwimveliso sikhokelele ekungalinganini kwemathiriyeli ekrwada esebenzayo ezichaphazela ibhetshi enye kuphela. Ukusebenzisa imveliso ekhutshiweyo kunokukhokelela ekwandeni kokuwa kweenwele, kunye nengxaki kwisikhumba sentloko,” utshilo.

UMabuza uthe uMthetho woKhuseleko lwabathengi ufuna ukuba abavelisi beemveliso bavelise kwaye babonelele ngeempahla ezikumgangatho olungileyo nezingenaziphene.

“Sibongoza ababoneleli kunye nabavelisi ukuba babeke phambili ukhuseleko lwabathengi ngalo lonke ixesha. IKomishoni ibeke esweni ukurhoxiswa kwayo ngokwezikhokelo zayo,” utshilo uMabuza.

Iimveliso ezichaphazelekayo

Iimveliso ezichaphazelekayo zineenombolo zeebhetshi zilandelayo:

Imveliso: Dark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine relaxer 125 ml

Inombolo yebhetshi: 87UD00 kunye ne-87UD01

Umhla wokuveliswa: Dec 2021

Umhla wokuphelelwa: Dec 2024

Imveliso yasasazwa kuzwelonke kwaye yathunyelwa kwamanye amazwe aquka iBotswana, iLesotho, iNamibia, Eswatini, iZambia neMadagascar.