Lishiye isilonda ishwangusha lokubhubha kwabadlali eDale Collage!

Abadlali beDale Collage emdlalweni wombhoxo.

Ukufa okuquqa kubuyelela kwisikolo samakhonkwe, iDale Collage Boy’s High School, kushiye inxeba elinzulu kwabaninzi. Oku kuvele emva kokuba kusweleke abadlali ababini bombhoxo, uLisakhanya Lwana noLiyabona Teyise, ngokulandelelana kwisithuba nje seentsuku ezimbalwa kwiveki ephelileyo. Ingxelo ithi uLwana ufunyenwe ebhubhile kwaMasingatha, eQonce, kwinto ekukrokrelwa ngathi utshayiswe ngemoto ngumntu oye wabaleka. Akukho zinkcukacha ezikhutshiweyo emva koko – kodwa amagosa omthetho ayaphanda. Kanti yena uTeyise uphulukene nomphefumlo wakhe emva kokonzakala emdlalweni wombhoxo. Ingxelo ithi wanzakele entloko kakubi ngethuba iDale Collage idlala nePort Rex.

Uye wawa wafa isiqaqa kodwa waphinda waphaphama. Ubalekiselwe esibhedlele ngokungxama emva kokuwa okwesibini. Woyisakele kwisibhedlele saseFrere esiseMonti – apho kubalulwe ukopha okugqithisileyo entloko njengoyena wokubhubha kwakhe. Ekuqaleni kwale veki, bekubanjwe inkonzo yesikhumbuzo kaLwana ochazwe sisikolo sakhe njengomntu obenembeko, ozolileyo futhi obukhuthele kakhulu. Inkonzo ibizanyaswe ngabafundi, abazali, ootitshala noogxa bakhe kwezemidlalo. Umqeqeshi wakhe, uMnu. Gcilitshane, umchaze njengomntu obezimisele emidlalweni, ingakumbi embhoxweni nakwiqakamba.

“Kunzima ukuthetha ngomntu obendimthatha njengomntana wam. Le ntwana ibe nefuthe elikhulu ebomini bam, nam bendinefuthe ebomini bayo. Ukudlala kuzisa ulonwabo ebantwini abaninzi, bekunjalo nakuLisakhanya. Ebengumntu othandekayo ebantwini futhi obizwa ngamagama. Silahlekelwe ngubhuti, umfo wethu nomntana,” utshilo umqeqeshi obenyembezana eqongeni. ULwana, obengumfundi waseDale Collage, usutywe kukufa eneshumi elinesibhozo leminyaka kuphela. Kulindeleke ukuba abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngempelaveki. Oogxa bakhe bamkhaphe ngamagwijo agwijwa emidlalweni bebonaka ukuba bonakele ezintliziyweni zabo.