Impisi kaBara idale amathuba kwabatsha

UBuntu Bara nongumvelisi womxube wokuthambisa iindevu obizwa Impisi Beard Care.

Ukuvalwa kweentshukumo elizweni ngonyaka ka2020 ngethuba kugqabhuka isifo sekhorona, uninzi luphulukene nokuninzi, kodwa kuBuntu Bara ongusomashishini osakhasayo ibe lithuba lokuphuhla nangakumbi kwezoshishino.

UBara, 28, waseSajonisi, nosele engumvelisi wamafutha okuthambisa iintshebe nawathiye ngegama lokuba yi-Impisi Beard Care, akawuvali umlomo ngumothuko ngohlobo afumana ngalo inkxaso kuluntu, nto athi wayeziqalela nje yena kuba engenanto yakwenza engazi ukuba iza kukhula le Impisi.

UBara wathweswa isidanga kwiYunivesithi yaseFort Hare, ngoku sele engumhlali waseMonti.

“Ndandingazi ukuba namhlanje lo mxube wam uza kude ube negama kwaye ngenye imini ungade ube sezivenkileni nangona ke ungekayi kuzo, ndisaceba. Ndaziqalela umxube ngo2019 ndizikhulisela nje iindevu zam. Kwacaca ndiyanconywa ngamanye amadoda akhulisayo nawo. Ngexesha leCovid-19 besihleli, kulapho imibono iye yavela khona yokuba ndenze uphando lwezi mveliso ndizixubelayo, kwenzele abantu bangonzakali xa bethe bazisebenzisa, bonakalelwe lulusu lwabo. Ndamane ke ndizivavanya apha kum kungabikho nto yenzekayo.

Okwaye kwandikhuthaza ke kukubona abantu bebetha bebuyelela ukufuna lo mxube wamafutha wam okuthambisa, ndabona ukuba mandinyuke nam kuba nali ithuba,” utshilo uBara.

Uqhubeke wathi wayengayazi ukuba Impisi iza kube ilishishini esele lidale amathuba engqesho kwabaninzi, nathi yinto esammangaza nangoku.

UBara ukhulele kwikhaya labantu abakholelwa kukuzimela kwishishini, ngenxa yoku kuninzi akufundileyo kwaye kumenze naye wavuleka ingqondo. UBara uthi umngeni wona wemali uyakuhlala ukho xa uqala into.

UBara uthi omnye umngeni ojongene nabantu abatsha kweli phondo wokungabikho kwemisebenzi, ube nalo ifuthe lokuba aziqalele eyakhe into.

Ucebise abantu abatsha esithi lo nto uyithandayo yenze unezandla nje.

“Yenza uphando kuqala. Landela into oyithandayo ungayi kuba nobani esiya. Xa uqala ishishini qiniseka ukuba iya kubalulutho lo nto uyiqalileyo, ngokuthi incede nawe xa ingathengwa kwenzele ingabi yolahleko,” utshilo uBara.

AyiyoMpisi kuphela ishishini likaBara, unalo nelokwenza izitena zokwakha.

Ucebisa ulutsha ngelithi uFacebook xa umsebenzisa ngenjongo lingaphumelela ishishini lakho.