Isigwebo kwindoda ebulele umfundi!

Inkundla yamatyala yengingqi kuCentane igwebe uSiphenathi Nyembezi (27), iminyaka engamashumi amabini anesini (22) engaphakathi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokubulala umfundi ebehlalisana naye ogama linguNokuthula Gwantshu (21).

Isithethi seNPA uLuxolo Tyali udiza ukuba esi sibini besihlalisana kwilali yaseGobe kuCentane, wabe engumfundi yena uNokuthula. UTyali uthi uNyembezi waya esikhululweni samapolisa kuCentane eyokuchaza ukuba intokazi yakhe ibhubhile. Amapolisa ukufika kwawo kwindawo enomzimba afumanisa ukuba uNokuthula unamanxeba alishumi elinesibhozo emzimbeni okuhlatywa.

UNyembezi wachazela amapolisa ukuba ebezikhusela kuba uNokuthula waqala ngokwakhe ukumhlasela, emvezele imela. Oku kwenzeke kunyaka ophelileyo ngeyeThupha.

UNyembezi ugwetywe kule veki emva kokufunyanwa yinkundla enetyala. Esi sigwebo iNPA isincomile, yaqhwabela izandla abebechophele eli tyala.