Umboniso weqonga ongeenzingo zokungaphangeli

AMAGAMA athi ‘We regret to inform you’ atsho kabuhlungu kwaye akwenza uphelelwe lithemba, ingakumbi xa ukhangela umsebenzi.

Sesi sizathu ke esibangele uWezile Harmans aze nomboniso weqonga othi We Regret To Inform You oza kuboniswa ngqo phambi kweendwalutho eziza kuzimasa uMnyhadala wezoBugcisa kaZwelonke eMakhanda kwinyanga ezayo.

UHarmans, ozenzele igama ngemiboniso yeqonga eliqela, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba sele iyiminyaka emihlanu enale ngcamango entlokweni yakhe kodwa kwafuneka aqale enze uphando.

Uthi uyacinga ukuba phantse wonke ubani uyazana namagama athi we regret to inform you.

“Ngalo msebenzi ndibonisa indlela yokuphila ngaphandle kokubanomsebenzi, ukukhangela umsebenzi, ukuwufumana nokuphulukana nawo – oku kukodwa kungangumsebenzi.

UHarmans, 32, oyinzalelwane yaseGqeberha, uthi ngalo mboniso weqonga bekhangele kwizinga eliphezulu lentswelangqesho eMzantsi Afrika.

“Sikhangele ukuba oku kungenza ntoni emntwini. Kwanendlela ubani anokusabela ngayo kwisivakalisi esithi ‘we regret to inform you’ ngaphandle kokuzongezela kuxinzelelo nenkxwaleko,” kutsho uHarmans.

Kulo mboniso, uHarmans usebenzisa iimvulophu ezibhalwe ngesandla kwakunye nevidiyo.

Ukanti uHarmans usandul’ ukuthiwa jize ngembasa yeBest Visual Art kwiimbasa zeNational Institute for Humanities and Social Sciences ngenxa yomsebenzi wakhe othi Umdiyadiya.

Umdiyadiya ngumboniso weqonga osikhumbuza ngethuba sisakhula, singabantwana, apho sasilala egumbini elinye, emandlalweni omnye sonke, ngelixa abantu abadala bengaphaya komdiyadiya.

“Ubuye ubave xa bethetha kwaye ubone nezithinzi zabo bengaphaya komdiyadiya. Kaloku kwakungekho macango ohlula iikamere, ngoko ke kwakuye kusetyenziswe ilaphu ukohlula ezo kamere.

“Isithatha sesibane sasiye sikuxelele ukuba kukho umntu oza kulala okanye ovukileyo,” uHarmans ubalisa ngalo mboniso umenze awongwe ngembasa.

UHarmans uza kube ekwiqonga laseMakhanda phakathi komhla we26 nowe27 kweyeSilimela [June].

UMnyhadala wezoBugcisa kaZwelonke eMakhanda uqala ngowe23 kweyeSilimela de ibe ngowesithathu kweyeKhala.