Udilikajele kowabulala izihlobo efuna izikhuntyu!

UFezile Wilberforce Mazitshana uza kuchitha ubomi bakhe bonke ejele emva kokuba iNkundla ePhakamileyo yaseMthatha imfumene enetyala lokubulala azalana nabo ababini kuba enyolukele imali.

Ingxelo ephuma kwiNPA ithi uMatshizana wafaka umalume wakhe oseLibode kwakunye nomzala wakhe waseMdeni eNgcobo kwiipolisi zakhe.

Lo ebesebenza kwiSebe lezeMpilo kwicala lakwaPathology Laboratories ngethuba eceba ukwenza eli yelenqe kwizizalwane zakhe.

Umsebenzi kaMazitshana bikukuqokelela imizimba yabangasekhoyo, atyikityise amalungu osapho isiqinisekiso sokubhubha.

Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi uphando luqaliswe ukwenziwa emva kokuba kudutyulwe umzala kaMazitshana, uMadodandile Nxiwa, kude kufuphi nakwikhaya likaMazitshana.

Ithamsanqa yaba lelokuba umrhanelwa wabanjwa kwangoko ngabahlali belali, nekulapho wachaza khona ukuba uthunywa nguMazitshana kwaye ikwanguye nowamnika umpu.

UMazitshana, ngokuya kuqhubekeka uphando waye woyanyaniswa netyala lokubulawa kukamalume wakhe oseLibode uTedolious Bhanise Mazitshana, owabulawa ngo2017. Umzimba kaTedolious wafunyanwa esigangeni unamanxeba embumbulu.

Owayedubula yena ugwetywe iminyaka elishumi engaphakathi emva kokuvumelana nombuso ngokusebenzisana nawo.

Iimali awazifumanayo uMatshizana kwiakhawunti yakhe yaqala yaba yiR30 000 kwakunye neR120 000.

I-NPA isamkele esi sigwebo. Ikwaqhwabele izandla abebecupha eli tyala.