Iinkumbi zixake eMpuma Koloni!

“Iinkumbi ezi zizinambuzane ezincinci ezibhabhayo nezitya izityalo. Kubakho ixesha apho zithi xa zihamba zihambe zisisiqhu. Kuthi ke xa ziwafikele amasimi zibhuqe izityalo ziphele kusale kungekho nto emasimini. Ngaphambili phaya amaKomkhulu esazikhathalele izizwe zawo bekuthi zakufika iinkumbi, iNkosi yeso sizwe yenze isiko lenqoloqho. Inqoloqho ke lisiko eliqhutywa liKomkhulu ukugxotha iinkumbi emasimini esizwe eso, likhokelwa liGqirha (Itola), ndawonye nabantwana abazintombi abaselula. Kuthi ke ukuba zikhe zahlasela intsimi yomzi omnye okanye zifike phakathi kwekhaya, leyo ibe yinyewe yekhaya. Kuvame ukuba zibe zihlola umthayi kwelo khaya. Umthayi ke butywala obukhulu bekhaya bokubulela intsebenzo yekhaya okanye isivumo salo nyaka. NgesiNgesi iinkumbi ezi kuthiwa ziLocustana Pardina,” kutsho igqirha uPhuthumile Cebo Fuyani.

Ukusukela ekupheleni konyaka ophelileyo, iSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle kuZwelonke nakumaphondo aquka iMpuma Koloni, iNtshona Koloni kwakunye noMntla Koloni, angamathontsi ejijasana nezi nkumbi.

Umfama waseCumakala othwaxwe zinkumbi ngokutyelwa umbona wakhe

Ngumhlaba okumashumi amabini amawaka weehektare osele ugalelwe iyeza lokubulala ezi nkumbi.

Oyingcali yezityalo kweli Sebe eMpuma Koloni, uGqirha Silwana uthi sele beqalisile ukunabisa iindlela zokulwa nezi nkumbi.

“Sisebenzisa iindlela ezimbini zokulwa nezi nkumbi, sisasaza iyeza ngokuhamba kwamagosa, okwesibini sisebenzisa inqwelontaka egalela iyeza, indiza phezulu,” kutsho uSilwana.

Iphephandaba iEntsimini lizibonele ngamehlo ezi nkumbi zigqogqisa, zihamba ngesantya esiphezulu zilinani elikhulu kwidolophu eziquka iBhofolo, iNyarha naseKhobonqaba.

Ziingingqi eziquka iSomerset East, Pearston, Paterson, Riebeeck East naseMakhanda esele ziqinisekiswe ukuba zihlaselwe ngokucacileyo zezi nkumbi.

Kwiinzame zokulwa ezi nkumbi, isebe sele ligalele amashumi amane anesithathu amawaka eelitha zeSumi Alpha kwakunye namawaka asibhozo eelitha zeDecis elichiza lokulwa iinkumbi.

URoy Du Toit ngumfuyi weebhokhwe zohlobo lweAngora ozalelwe kwingingqi yaseNyarha, uncokolele iEntsimini ngamava akhe.

“Ngeminyaka yoo1980 zakhe zakhona ezi nkumbi, zidla ngokuba zihlola okuthile, imbalela ezayo okanye imeko nje engaqhelekanga, okona kubi kukuba zigqiba yonke into etyaliweyo, ingca nelusini le sondla ngayo iimpahla iyatshabalala xa zifikile ezi nkumbi,” utsho uDu Toit.

Iingingqi eziquka iHogsback, iDikeni naseQoboqobo ziboniwe ezi nkumbi, ukanti zikho iingxelo ezingaqinisekiswanga zokuba zibonwe eCumakala zijongise amabombo ngakuKomani.

Urhulumente ubongoza amafama ukuba mayikhutshwe ezinkampini impahla xa sele kufakwe isibulalasinambuzane esijoliswe ukubulala iinkumbi.

“Zithatha iintsuku ezimbalwa ukuzala, zihamba umgama omde kakhulu zibhabha zingaphumli, yiyo le nto zigqiba indawo enkulu ngokukhawuleza okungaka, ibaninzi ilahleko xa zifikile iinkumbi,” kutsho uDu Toit.

Intsebenziswano phakathi kwamagosa karhulumente, amafama neenkampani zabucala ezisebenza ngezolimo ibaluleke kakhulu kweli xesha, kutsho ingxelo yeSebe.

Ngaphantsi komthetho iAgricultural Pest Act yonyaka ka1983, iSebe lezoLimo kuZwelonke linoxanduva lokuqeqesha abantu bokuba bajikeleze begalela amachiza okulwa nezi zinambuzane.

Urhulumente ukwanyanzelwa ngulo mthetho ukuba akhuphe ichiza lokulwa nezi nkumbi zixake amafama eMpuma Koloni, Ntshona Koloni naseMntla Koloni.

Umfama waseCumakala kwifama iPlum Blossom, uRodney Buchler, uncome urhulumente weMpuma Koloni ingakumbi iSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle ngokukhawulezisa ukunqanda ukunwenwa kwezi nkumbi.

“Ndincoma intsebenziswano phakathi korhulumente kwakunye noMasipala waseMahlathi ngokukhawulezisa ukuhlangula izityalo zam xa bezihlaselwa ziinkumbi,” kutsho uBuchler.

Uthi umbona wakhe omninzi usindile emva kokuba amagosa weSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle egaleleke ngokukhawuleza etshiza, ebulala iinkumbi.

UBuchler uxelele amagosa karhulumente emva kokuba ebone ezi nkumbi kwifama yakhe, azama amagosa agaleleka ngokukhawuleza esilwa, etshabalalisa ezi nkumbi.

“Ndingahle ndingatyali kunyaka ozayo ngenxa yefuthe lezi nkumbi kumsebenzi wam wokuvelisa ukutya, ndikwacebisa amafama ukuba akhawulezise ukuxelela amagosa karhulumente kwakwiintsuku zokuqala zokuqaphela ezi nkumbi kwiifama zabo,” kucacisa uBuchler.

Urhulumente uyaqhubeka ukuqeqesha amagosa kwingingqi yaseXesi ngeenjongo zokwandisa inani labasebenzi bokulwisana nezi nkumbi.

Ingcali kumcimbi wokulwa izinambuzane ezikumila kunje uNolitha Skenjana, uthi zizala ngamandla ezi nkumbi, kwaye ziyakhawuleza ukuhamba imigama emide ngexesha elincinci.