Inegama elitsha iNgcobo

UMasipala waseNgcobo unikwe igama elitsha ngokusemthethweni ubizwa ngegama likaGqirha Alfred Bathini Xuma oyinzalelwane yala Masipala.

Oku kwenziwa kuyinxalenye yeenzame zokujika imbonakalo yeli lizwe ukuba ihambelane nala maxesha.

Zininzi iidolophu, izikolo, izitalato namaziko emfundo ephakamileyo asele ejikwe amagama kweli ukusukela ngonyaka ka1994.

UMphathiswa weSebe elijongene noBambiswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli, uXolile Nqatha, nguye kanye othathe uxanduva lokufakwa kweli gama ngokusemthethweni kwigazethi kaRhulumente.

USodolophu woMasipala waseAB Xuma, uSiyabulela Zangqa, echaza uXuma uthethe wenjeje: “U-AB Xuma uzalelwe kwilali yaseManzana apha eNgcobo, ebengumfundisintsapho, umshumayeli, uGqirha ekwanguMongameli weANC,” kucacisa uZangqa.

UXuma kuthwa wachitha ubomi bakhe ezamela ukuphucuka kweempilo zabantu belizwe loMzantsi Afrika nokulingana kweentlanga zonke.

“UGqirha Xuma wanikela ngezakhono zakhe zokuphatha, imfundo nexesha lakhe kumzabalazo wokukhulula abantu abamnyama eMzantsi Afrika,” kutsho uZangqa.

NgoLwesithathu wale veki, uMasipala waseAB Xuma ubambe indibano noonondaba ucacisa banzi ngendlela abaza kuqhuba ngayo ezi nguqu kula Masipala.

“Kule ndibano noonondaba siza kucacisa indlela ebheka phambili malunga nolu tshintsho, sikwalungiselela ukuba sibe nomsitho wokwaziswa kweli gama ngokusemthethweni,” utsho.

Ingingqi yaseNgcobo ivelise oompondozihlanjiwe emzabalazweni abafana noWalter Sisulu – abathi badlala indima enkulu kwiinzame zokukhulula abantu boMzantsi Afrika.

UMasipala waseAB Xuma uphantsi koMasipala weSithili saseChris Hani, kwaye awubambisenanga nezinye iidolophu zalo Masipala.

UAB Xuma wazalwa ngomhla wesibhozo ngenyanga yoKwindla ngo1893 waza wabhubha ngo1962. Waba nguGqirha wokuqala omnyama kweli loMzantsi Afrika. Ukhokele umbutho weANC enguMongameli ukusukela ngonyaka ka1940 ukuya kunyaka ka1949. Umbutho wolutsha leANC usungulwe ngexesha lokukhokela kwakhe njengoMongameli weANC ngo1942.

Kuthwa uXuma wayengazithandi izimvo zamaKomanisi, oku wayekubonisa ngokugxeka ubukomanisi kwimbalelwano yakhe yemihla ngemihla. NguXuma ebekhokele iANC ngexesha lokuqava koMandela, Sisulu, ooMbatha nooNkomo.

Ngonyaka ka1927 uXuma wavula iziko lakhe lokunyanga eSophiatown neyathi yatshatyalaliswa kamva ngurhulumente wobandlululo.

UXuma uqale imfundo yakhe kwisikolo sodumo saseClarkbury eNgcobo nekwathi kamva wazinabisa iimpiko zakhe kwezemfundo. Ibutho lamanina weANC, iANC Womens League, wasungulwa ngexesha lakhe, kwaye lakhula inani lamalungu walo mbutho ngexesha lakhe. Igama elitsha loMasipala waseAB Xuma lifakwe kwigazethi karhulumente ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga kaCanzibe walo nyaka.