Imvumi ephandlwe ngumsasazi yenze icwecwe

IMVUMI yeMaskandi, INkunz’ encane, ingene estudiyo yenza ingoma iphandlwe bubuhle bukaLisakhanya Pepe ongumsasazi weendaba zesiXhosa kumabonakude.

Le mvumi ikhuphe icwecwe elitsha elithi ‘Lisakhanya’ – elithiye ngalo msasazi.

Eli cwecwe lineengoma ezilishumi ezinjengoNdasebenza, Isono, Magomanzi, Lisakhanya, Bagwazana bodwa, Phindile, eMbizana, Ntombemhlophe nezinye.

INkunz’ encane, 29, egama lokwenene linguSilungile Mralatya, ngunyana wegqala lemvumi yeMaskandi uNkunzemdaka.

INkunz’ encane ibhala le ngoma emva kwethutyana iman’ ukubhala ngoLisakhanya kumaqonga onxibelelwano, imncoma kwaye isithi uLisakhanya linenekazi engathanda ukulazi ngcono.

“Into ebangele lo nto kungokuba bendihleli ndizincokolela ndisithi ndiyamthanda, ndimane ndimxhoma kuFacebook, abantu baze bathi ngeke lo sisi uyamthanda, kutheni ungaqambi ingoma ngaye, kwasukela apho ke,” INkunz’ encane ibalisela I’solezwe lesiXhosa.

Eli cwecwe lilandela ingoma yeNkunz’encane ethi Ndimkhumbul’ uZintle. Lowo nguZintle Mbusi woMhlobo Wenene FM.

“Yindlela endibahlonipha ngayo ngokuba bangabantu ulutsha olujonge kubo,” kucacisa le mvumi.

Le nzalelwane yaseMbizana ithi yenza oku kuba neemvumi zaseKZN ziyabahlonipha abantu abadumileyo kwela phondo kwaye ziqamba iingoma ngabo.

Kweli cwecwe iNkunz’ encane isebenze noQhoshangokwenzakwakhe waseKZN kunye noNtombemnyama waseMatatiele.

Uthi uncoma ubuhle bukaLisakhanya kule ngoma ethi Lisakhanya, waze wakhetha ukubiza necwecwe kwangaye.

“Ndimncoma ubuhle bakhe nokuthi xa ehamba uhamba kamnandi. Ubuhle bakhe buyingxaki.”

Eli cwecwe liza kufumaneka kwiivenkile zomculo kungekudala.