IDurban Gen imncede kwinxeba leminyaka

UNYANISO Dzedze uthi ukudlala kumdlalo kamabonakude iDurban Gen kumthunuke kwaphinda kwamnyanga ngaxeshanye.

UDzedze udlala indima kaGqr Siphesihle Dlomo kulo mdlalo we-etv.

UGqr Dlomo uzibhaqa ejamelene nedimoni lokuxhaphaza inkosikazi yakhe uSinenhlanhla Mtshali-Dlomo okwangumongikazi eDurban Gen. Esi sibini sisandul’ ukutshata kwaye ngoku sizifumana sisembindini wodushe lwasemakhaya.

Encokolela I’solezwe, uDzedze uthi le ndima icudise ububovu kwisilonda ebesiqulungene iminyaka kuye.

Uthi indima ayidlalayo sisifundo sokwenzeka xa ungazikhathalelanga izivibeko zakho.

Le nzalelwane yaseKomani ithi abazali bayo bohlukana iseneminyaka emibini kuphela.

UDzedze uthi utata wakhe wayenengxaki nokusela utywala ngokugqithisileyo, eneenzingo zangaphakathi awayeye azikhuphele kumama wakhe ngokuphakamisa isandla, kulapho umama wakhe wagqiba ekubeni amshiye.

“Ukudlala le ndima kuvuse inxeba elidala lokungabinatata,” utsho.

Uthi iindima akhe wazidlala kumabonakude ngaphambili azimchukumisanga njengendima ayidlala kwiDurban Gen.

“Azifani nale ndiyidlala ngoku kwiDurban Gen kuba le isondele kakhulu kwintlungu yam,” ubalise watsho.

“USiphesihle uzigcine ngaphakathi izivubeko zakhe njengendoda, kodwa ngelishwa zimane ziqhaqheka ziputyukele abo bakufutshane kuye,” uDzedze ebalisa ngendima ayidlalayo.

UDzedze uthi ukudlala kwiDurban Gen kumfundise ukupholisa isilonda sakhe ngendlela.

“Kundifundise ukuba ndizihoye, ndothule umthwalo wam, ndisombulule iingxaki ezisombululekayo, ndiphathe abo bakufutshane nam kakuhle kwaye ndivule intliziyo yam ndinikeze ngothando,” kutsho lo mdlali kamabonakude.

UDzedze, okhe wadlala kwimidlalo efana neAshes to Ashes neGenerations: The Legacy uthi ekuzikhangeleni, ezibuza ukuba yintoni emhlupha kangaka ngezenzo zikatata wakhe, uthi kukuzibona ukuba ezi zinto ziye zagqithisela kuye.

“Ndizibone ndithwele loo mthwalo katata. Nangoku ndisihoyile eso silonda de ndiphile, andiyazi sakuthatha ixesha elingakanani. Lo mlinganiswa ndimdlalayo sisifundo sokwenzeka xa ungazihoyanga izivubeko zakho,” wongeze watsho uDzedze.

Uthi uyambulela umlinganiswa onguGqr. Dlomo kuba ngaye ufunde ukuhoyana nezinto azithweleyo, waze ngokwenza njalo wothula umthwalo.

“Ndiye ndaqinisekisa ukuba andifuni esi silonda sindiphathe, endaweni yokusibaleka ndijongane naso, ndingafani notata okanye uDlomo.”