Uzibulele umfundi ona14 obethukelwa ukuba-gay!

ULukhanyo Jongqo (14) obengumfundi eKubusie Combined School, uzixhomile wabhubha kuba ebesoloko ehlaselwa esikolweni ngamakhwenkwe kuba besithi yi ‘mofi’

Lukhala esimantshiyane usapho lomfundi ophele ezibulala kuba esoloko exhatshazwa ngabanye abafundi ngaphakathi esikolweni eKubusi Combined School eCumakala.

Lo mfundi, ogama linguLukhanyo Jongqo (14) nobesenza uGrade 7, uthabathe isigqibo sokuzixhoma ngoMvulo kule veki ukubuya kwakhe esikolweni kuba esithi wanele ngoku kukungcungcuthekiswa.

Ingxelo ithi uninzi lwabantwana abangamakhwenkwe esikolweni belusoloko lumhlasela lusithi ‘alunakuhlala nemofi, makahambe kubo!’

UNocawe Jongqo, encokola neli phephandaba exhelekile, uthi umntwana wabo akazange ‘azidale ukuba abenjeya.

“ULukhanyo uzelwe enje, simkhulise enje, kwaye asinakuthi yinto ayikope emntwini le okanye sithi luxinzelelo alufumana ezitshomini. Ngetheni, ngephile ubomi obungobubo kuba esenzela abantu bangamhlaseli mhlawumbi?” kubuza uJongqo.

“Sibuhlungu kakhulu kwaye kudala uLukhanyo ebuya esikolweni emane ebalisa enomsindo ukuba uyahlaselwa kwaye akahlelanga kakuhle ngabanye abantwana, esithi bayamthuka bembiza ngawo onke amagama alumezayo,” utshilo uJongqo.

Uthi belusapho bayile amatyeli esikolweni eKubusie Combined School ukuyokuchaza ngokungonwabi kukaLukhanyo esikolweni, bathenjiswe ngokuqwalaselwa kwale meko de wabe uyazibulala umntwana.

Umama womntwana uthi ufike ngoMvulo uLukhanyo engaphekanga njengesiqhelo, xa emkhwaza endlini akasabela yaye iminyango ivuliwe kumnyama kwaye kungalayitwanga.

Uthi xa engena egumbini likaLukhanyo kumnyama, ugilwe zinyawo zikaLukhanyo entloko. Umzali uthi uye walayita isibane kuba efuna ukujonga le nto imgilayo, xa esithi ngunyana wakhe uyajinga kwaye sele ejike nebala.

Umama womntwana uthi akashiyanga leta uLukhanyo, koko kuba besazi kwaye ibisoloko iyinto ayithetha qho eyokuba uyaxhatshazwa ngabanye esikolweni.

Usapho luthi uLukhanyo ebengathandani namanye amakhwenkwe koko ibiluhlobo adalwe ngalo, kwaye ethanda nokuncokola kwanokudlala namantombazana.

Uza kukhunjulwa kowabo ngokupheka, ukucoca, ukutshintshatshintsha indlu ngokuyihombisa kakuhle ngaphakathi. Okunye akuthi akhunjulwe ngako ebefundisa abantwana besitalato sakhe ukudanisa, ukucula kwanokumodelisha.

Olitshantliziyo leLGBTQIA+ kula mmandla waseCumakala uSimnikiwe Mkhetshane, nowaziwa ngegama likaMaRhadebe Ongafun’ ukuguga, uthi into kaLukhanyo ibachaphazele kakhulu beyiLGBTQIA+ kuba oku kwakwenza kungabilula ukuziveza elubala ngenxa yeentetho nezenzo zabantu abayichasayo impilo yokuthandana kwabasini esifanayo.

“Ndiqaphela nokuba emakhaya kusenzima ukuba izihlobo, abazali bayamkele ukuba sidaliwe sanje nguThixo asizenzanga,” utshilo uMkhetshane.

UNocawe uthi abazali mabafundise abantwana babo ngokwamkela abantwana abagay ekuhlaleni. Kwaye nabazali bamkele abantwana babo kuba basekhona abazali abangafuni nokuva.

Usapho luseza kuhlala malunga nosuku lomngcwabo.

ULukhanyo ushiya umama wakhe, oomakazi bakhe kwakunye nomakhulu wakhe onama95 eminyaka ubudala.

Isebe lezeMfundo ephondweni belingekahlomli kweli phephandandaba de sapapasha kwimibuzo ebesiyithumele malunga nesi sehlo.

I’solezwe belibuza ukuba akhona na amanyanthelo okanye uphando olwenziwayo lwangaphakathi lisebe malunga nezi zityholo zokuxhatshazwa kukaLukhanyo ngabanye abafundi ngaphakathi esikolweni.