AmaBhokobhoko alindele iNew Zealand ekelemileyo e-Ellis Park Stadium

UBeauden Barrett weNew Zealand eswantsuliswa nguSiya Kolisi noLukhanyo Am boMzantsi Afrika emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obuseMbombela Stadium. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Uzenzele imbali uMzantsi Afrika ngokubetha iNew Zealand emdlalweni wombhoxo wweCastle Lager Rugby Championship. Yinto enkulu le embhoxweni waseMzantsi Afrika ngoba ayifane yenzeke. AmaBhokobhoko azibonakalisile ukuba aseziingangalala zombhoxo kwihlabathi lonke ngethuba engomba iNew Zealand ngo’26-10 emdlalweni obubukelwe ngabantu abangaphaya kwamashumi amane amawaka eMbombela Stadium ngoMgqibelo ogqithileyo. Phakathi kwamadoda abe negalelo elikhulu ibe ngumdlali oyihuka, uMalcolm Marx, obedibanisa amashumi amahlanu emidlalo yovavanyo phantsi kwegama lakhe. Nakubeni abalandeli besavuyela impumelelo – kodwa abadlali bona kufuneka bakhawuleze balibale ngokwenzeke emdlalweni ogqithileyo ngoba uMzantsi Afrika uza kuphinda emva kwendlu emdlalweni wesibini e-Ellis Park Stadium emalanga ngoMgqibelo.

“Akusoze kubelula ukudlala ne-All Blacks, kuba nzima kude kuphele umdlalo,” utshilo uMarx emva komdlalo eNasipoti kwiphondo laseMpumlanga. “Asingeke siyekelele tu. Kunyanzelekile ukuba sisebenze kakhulu kwakhona emdlalweni olandelaayo. Emidlalweni emihlanu esiyidlale nayo, sahlulwa ngamanqaku amabini. Kufuneka sizilungiselele umdlalo omkhulu kwiveki ezayo. Umdlalo ububaluleke kakhulu kum ngoba ibingumdlalo wovavanyo wamashumi amahlanu. Sizamile ukusebenza nokukhulu ukuzimisela noogxa bam,” utshilo uMarx emva komdlalo.

ULood De Jager nesekelamqeqeshi yDeon Davids baxelele iintatheli ukuba Amabhokobhoko alindele ukuba iNew Zealand inyuse iikawusi emva kokubethwa kwayo. “Lilizwe eliziqhenyayo ngombhoxo iNew Zealand. Silindeleke ibuye ikelemile emva kokwenzeke eMbombela Stadium. Sizimisele ukwenza umsebenzi ongcono ngoba sifuna ukuhlala kwindawo yokuqala kwihlabathi. Xa edibene la mazwe mabini, adlala ngamandla wawo onke,” utshilo uDe Jager. Yena uDavids waleke ngelithi bonelisekile yondlela abadlali abadlale ngayo eNasipoti. “Kubekho izinto esingazenzanga kakuhle emdlalweni ogqithileyo, sifuna ukwenza ngcono kule impelaveki,” utshilo uDavids.