‘Ukungabhodli kwenza umsindo nenzondo’

Ukuthula ube uxhaphazeka kuko okwenza uhlale ungumntu onomsindo nanini ebantwini kuba kaloku kubangelwa kukugcina ngaphakathi konke okubuhlungu kuwe.

Oku kuvele kulutsha lwelali iSoto eMooiplaas ngethuba umbutho ongenanto yakwenza norhulumente, ojongene nokukhulisa kwanokuphuhlisa ulutsha obizwa ngokuba yiThe Great Kei Teenagers Agents Drugs and Abuse (TADA), ebambisene nebandla iAmazing Love God Ministries ubambe inkqubo yokuxhobisa ulutsha.

Le nkqubo yeTADA nethabathe iveki yonke kwiiwadi ezimbini uWard 3 kwakunye no4 kumasipala iGreat Kei, ibibanjelwe kwiHolo leCawa.

UAsandiswa Goduka, uthi kuninzi akufunde kule nkqubo kaTADA. Uthi ufunde ukuba xa ukhula uthule uya kubalixhoba lokuxhaphazeka nelakuhlala linomsindo.

Uthi bafundiswe ukuba iba naye umntu omnye omthembayo oza kumane uphokoza kuye xa usiva umthwalo, nto leyo iya kuthi yenze ubomi bube khaphukhaphu.

UGoduka uthi bakwafundile nangobungozi nemingeni xa uthe wakhulelwa usengaphantsi kweminyaka.

Omnye wabafundi obezimase le nkqubo, uBuhle Bityo, uthi akufundileyo yindlela yokuhlangabezana nemingeni abajongene nayo ingakumbi bona bengamakhwenkwe, nalapho athi ngabantu abaziwa njengabo bangathethiyo.

Uthi bakwafundiswe nokubaluleka kohlobo lokuthetha nomntu, njengoko esithi uye uthi udlala kanti komnye umntu ingene kabuhlungu lo nto.

“Kuninzi esijongene nako kwaye akubilula nokuthetha. Okunye endiphume nako kule nkqubo kukuba uhlukumezo luneendidi ngeendidi, ayikokubetha siqwini qha, okunye lolu hlobo ndithetha ngalo,” utshilo uBityo.

UManejala weeProjekthi eTADA, uMandilakhe Hebi, uthi la mmandla ugutyungelwe lizinga eliphezulu lokusetyenziswa kweziyobisi. Injongo yabo kukususa nengcambu kwanokubonisa ulutsha iindlela abanokuthi bazilandele ngobomi babo ukuze bube ngcono.

“Sifuna ukubabonisa ukuba kuninzi abangakwenza ngobomi babo kwaye bangangeni nabesele bengekangeni. Sikwabafundisa nangezakhono abanokuzilandela,” utshilo uHebi.