Anethemba amafama weAngora ku2024

Umfama uLloyd Short ngusihlalo weAngora South Africa, uthembisa amafama ezi bhokhwe ukuba kunyaka ka2024 lizakuba lihle ikamva kwabo bavelisa oluhlobo lwebhokhwe.

“Unyaka ka2024 ube nemiceli mngeni yawo, kodwa thina sivale unyaka sithengisa inkunzi yebhokhwe esemgangathweni yohlobo lweAngora ngemali ekwishumi elinesibhozo lamawaka eerandi,” kucacisa uShort.

Uthi oku kuthetha ukuba ngaphandle kwamathandabuzo amafama weebhokhwe zeAngora azakungenisa imali kunyaka ka2024.

“Wona unyaka ophelileyo ubunazo iingxaki zawo, kodwa thina kuba sifuya iibhokhwe zohlobo olulodwa olukwazi ukumelana neengxaki zonke ngaphandle kweengxaki,” kutsho uShort. Ukushukuma kwexabiso lerandi nokuhla kwamaxabiso ebezithengiswa ngawo ezibhokhwe kunyaka ophelileyo kubangele iphaphu kumafama athile.

“Amafama weAngora eMzantsi Afrika enze konke ebenako ukukwenza ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba agcina imihlambi yawo isemgangathweni, nangona bekungekho lula ukwenza oko,” kutsho uShort.

Imveliso yoboya bezi bhokhwe ihamba phambili kweli, kwaye abunantanga uboya obuveliswa nguMzantsi Afrika. “Amafama woboya beAngora oMzantsi Afrika awanantanga kwihlabathi, kwaye kulindeleke ukuba oku kuhlale kunjalo, sivelisa iibhokhwe zohlobo oluphezulu,” kutsho uShort.

Ukuxhotyiswa kwamafama ngamachiza namayeza okugonya kwenza ukuba amafama akwazi ukumelana nezifo nezinye iingxaki ngaphandle kwengxaki.

UShort ubongoza amafama ukuba ahlale ekhangela amacebo okuphuhlisa imihlambi yabo ukuze bakhule kumsebenzi wabo. “Amafama mawasoloko ekhangela ulwazi, asebenzise onke amacebo abawafumanayo, ngokwenza njalo bazakukhula kumsebenzi wabo,” kutsho uShort.

Uninzi lamafama weebhokhwe zeAngora kweli aphuma kwiingingqi zombindi weKaroo. Oku kwenza ukuba iMpuma Koloni ihambe phambili kuzwelonke ngokuvelisa iibhokhwe zeAngora.

Kukho ukukhula kwamanani wamafama amnyama afuya oluhlobo lweebhokhwe, oku kungenxa yemibutho eyahlukeneyo efuya iibhokhwe zeAngora.