Badlwengulwe babotshelelwa, owesithathu wahlatywa wabulawa!

Usapho lakwaPhathekeli kuTsolo lufuna ingalo yomthetho ibalwele emva kokuba umntwana wabo ebulewe kabuhlungu ngosuku lwenyibidyala, kwadlwengulwa ababini nabasaphilayo bona. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Uluntu kweli loMzantsi Afrika lubhiyozela ukuqala konyaka omtsha kodwa iintsapho ezimbini zakwilali uNomhala kuTsolo zinyembezana zona. Oku kusemva kokuba abantwana ababini abangamantombazana bomzomnye bethe badlwengulwa bakugqiba babotshelelwa ze owesithathu ebebehamba naye nongazalaniyo nabo ethe wadlwengulwa akugqitywa wahlatywa wabulawa.

Ngokwengxelo ephuma emapoliseni ithi, ezintwazana zintathu neziphakathi kweminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ukuya kwishumi elinesithoba (19) ubudala ngeminyaka, bezizihambela kwithafa zigoduka ngoMvulo kule veki umhla wokuqala nebilusuku lokubhiyozela unyaka omtsha, ‘nyibidyala’ ngamanye, ngethuba zidibana nabafana ababini abaye babaphanga bathatha iifowuni zabo, imali, babadlwengula emva koko bababophelela iizandla babajula edamini.

UWarrant Officer Majola Nkohli uthi omnye kwesi sithathu uye wagoloza nezakhe izinto nekulapho aye wahlatywa ngemela kumzimba ongentla.

Oku kwenzeke kwilali uNomhala kuTsolo ngezithuba zentsimbi yesixhenxe ngorhatya. Esi sibini sikhangelwayo besixhobe ngeemela.

UNkohli uthi, aba babini emva kwethuba baye bakwazi ukuzikhulula bagoduka, lona wesithathu ebehlatyiwe wabe sele eswelekile.

Usapho lwexhoba elibuleweyo, uInam Ninnie Pathekile, luthi ithemba labo lisemapoliseni ukuba lubambe nokuba ingalo yomthetho idlale indima yayo. Usapho lukwabongoza nalo intsebenziswano ukuze babanjwe aba, bakwacela nenkxaso kuluntu kubunzima abajongene nabo.

Ityala lokubulala namatyala odlwengulo avuliwe kwaye ayaphandwa.

Amapolisa abongoza nabani na onokuba nolwazi ukuba aze ngaphambili asebenzisane nabo ukuze kubanjwe esi sibini senze okubi kubantwana abangakwaziyo ukuzilwela. Bangatsalela kule nombolo 08600 10111 okanye batyelele isikhululo samapolisa esikufutshane nabo.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba.

UMene ukwavakalise inkxalabo malunga neengxelo zezenzo zodlwengulo kumanina, ingakumbi ngexesha leziyunguma.

UMene uqhube wayalela abasetyhini ukuba bahlale bethe qwa ngamaxesha onke kwaye bangakuxabisi ukuhamba bodwa ingakumbi ebusuku naxa bephantsi kweempembelelo.