Azakulima kwimbalela amafama aseCanada

Ilizwe laseCanada lelinye lamazwe adla ngokuhamba phambili kwezolimo kwihlabathi, kodwa ukusukela kunyaka ophelileyo ajijisana nembalela amafama aseCanada. Ngenxa yemeko yezulu ekuthiwa nguEl Nino, amazwe amaninzi ehlabathi ajongene nemozulu ebangela imbalela.

Amafama aseCanada athi azakutyala nangona kukho imbalela kuba lifikile ixesha lokuba kutyalwe iimveliso zeenkozo kwela lizwe.

Umfama uIan Boxall onguMongameli weAgricultural Producers Association of Saskatchewan uthi nokuba kunjani bazakulima.

Encokola neGlobal News, uBoxall uthi abanakutyhafiswa yimeko yembalela, koko bazakuqala ngokukhawuleza ukutyala ingqolowa, umbona nezinye iimveliso zeenkozo.

“Nangona sijongene nembalela, kodwa asoze siyeke ukulima kuba lifikile ixesha lokuba siqalise ukutyala iimveliso zeenkozo ngelizama ukuqinisa imveliso yokutya eCanada,” kutsho uBoxall.

Ingxelo yeCanadian Drought Monitor ithi iCanada ijongene neyona mbalela ingazange ibonwe kwela lizwe.

“Uninzi lwamafama wethu eCanada ajongene nembalela ebangele ukuba izityalo zasebusika zingenzi kakuhle, kungoko sisithi siqhubela phambili nokutyala iinkozo,” uhambisa atsho uBoxall.

Isanuse sezulu eCanada uDavid Phillips uthi ngenene asikho isizathu sokuba amafama athandabuze ukutyala.

“Imbalela ihlala ikhona, kodwa ekugqibeleni kumele ukuba kungenwe emasimini ngamafama kulinywe, siyawakhuthaza ngoko ukuba alime, imeko yezulu iyaqaqadishwa ngoko ke ingajika le nto,” uhambisa atsho uPhillips.

Le ngxelo ithi ziindawo ezithile zelizwe laseCanada ezijongene nembalela, oko kuthetha ukuba ezondawo zinayo imvula zizakuqhubeka ngaphandle kwengxaki ukulima.

“Silungiselela ukutyala izityalo ezifana neCanola, ingqolowa nezinye ke eziqhelekileyo ingakumbi kwingingqi yaseSaskatchewan,” kutsho uBoxall.