Iza nantoni intetho yobume besizwe?

UMongameli uCyril Ramaphosa ngethuba esenza intetho yobume besizwe.

Minyaka le ngenyanga yoMdumba uMongameli weli wenza intetho edandalazisa ubume belizwe loMzantsi Afrika. Le yenye yeentetho ezibalulekileyo ekwanembali endala ngokwembali yelizwe loMzantsi Afrika nakwihlabathi.

Le ntetho itsala amehlo wehlabathi, abeendaba, izifundiswa neengcali zoqoqosho nezopoliko. Kodwa kumele ukuba sizibuze ukuba ingaba kukho nto iphilisayo na elindeleke kule ntetho minyaka le. Iqulatha izicwangciso nezinto urhulumente anqwenela ukuzenza ngalo nyaka mali.

Le ntetho yobume besizwe ilandelwa yintetho yohlahlo labiwa mali nalapho uMphathiswa weSebe lezimali achaza khona izixa ezizakugalelwa kumaSebe ahlukeneyo. Ukubaluleka kwale ntetho kumele ukuba kujongwe ngokuzaliseka kwezithembiso neziqhamo eziye zilandele emva kwayo.

Kuthethwa ngamacebo neendlela zokudalwa kwamathuba emisebenzi, namacebo okulwa ulaphulo mthetho. Ukuphuculwa kwemeko yezempilo kwabahluphekayo, ukulungiswa kweendlela, ukwakhiwa nokuphuculwa komgangatho wezikolo namaziko empilo asekuhlaleni.

Zonke ezi zezinye zezinto eziye zibephambili xa kusenziwa intetho yobume besizwe nguMongameli. Ukusukela kuMongameli wokuqala wentando yesininzi kweli ubawo uNelson Mandela bekuthethwa ngengxaki yentswelo ngqesho.

Bekuthethwa ngolwaphulo mthetho, iimeko zeendlela nokwakhiwa kwamaziko empilo asemaphandleni okanye ezilalini. Sele kuyiminyaka engamashumi amathathu kusenziwa le ntetho, ngoko ke lixesha lokubona ukuba kungakanani okwenzekileyo ngokuhambelana nale ntetho yobume besizwe.

Akufunekanga sizibethe ngoyaba izinto ezintle ezenzekileyo, kodwa xa ujonga iminyaka, kuninzi okwenzekileyo.

Abantu abamnyama abakabinawo umhlaba, urhulumente akakhange akwazi ukulawula inkqubo yokwabiwa komhlaba.

Ulwaphulo mthetho luqatsele ngeendlela zonke kumanqanaba ahlukeneyo elizweni loMzantsi Afrika. Ingxelo yokugqibela malunga nezinga lentswelo ngqesho ibonise ukunyuka okungephi kwenani labo baqeshwayo kweli.

Iziko, amaziko empilo asekuhlaleni, nezibhedlele ezitsha zakhiwe. Iindlela zeli zihamba namanzi rhoqo kuba akukho sicwangciso sokujongana neendlela xa zihlaselwe zintlekele zendalo.

Amagosa athathe izifungo kwarhulumente abanjwe kaninzi elandelwa zizityholo zobusela bemali karhulumente. Kodwa ke likho inani labo babanjwe bavalelwa ngurhulumente ngenxa yobusela bemali karhulumente.

Le yintetho apho uMongameli kufuneka akwamkele ngaphandle kwengxaki ukuba urhulumente phantsi kombutho wakhe woyisiwe ukunika abantu inkululeko yabo.

Ukucima kombane luphawu oluhle lokuba kule minyaka ingamashumi amathathu, iinkampani eziphantsi kukarhulumente zidlakazwe kabuhlungu ziinkokheli zombutho ophikisayo.

Ukuphela koololiwe kwimizila ehamba kuninzi lwelokishi zeli bubungqina bokuba leminyaka ingamashumi amathathu ibizele yingcinezelo yabahluphekayo.