Kuqhuba kakuhle ukuvunwa kweediliya eNamibia

Ilizwe laseNamibia lelinye lamazwe atshotsha entla ngezolimo kumazwe akumazantsi weAfrika. Oku kungenxa yembali yamafama aphuma kweli esiya kwela lizwe, logama likwanembali yamafama aphuma kumazwe afana neJamani. Ukuvunwa kweediliya eNamibia kuyaqhubeka ukusukela ekuqaleni kweenyanga zehlobo.

Ingxelo ekhutshwe yiFruitnet ithi, elalizwe kulindeleke ukuba lifumane iidiliya ezikumyinge olinganayo nezo nyaka ophelileyo u2022. Kunyaka ophelileyo ilizwe laseNamibia livune iidiliya ezikumyinge weshumi lezigidi zeetoni ngenxa yokuncediswa yimozulu entle.

Ekuqaleni kwexesha lokuvuna lasehlotyeni kulo nyaka ukuvunwa kweediliya kuqale ngaphandle kweengxaki, imozulu ivuma ngeendlela zonke.

Amafama akwingingqi yaseAussenkehr aqale ngaphandle kweengxaki ukuvuna iidiliya, ukuvuna kudla ngokuphazanyiswa zizandyondyo zemvula engalawulekileyo nengqatsini yelanga.

Amafama akwingingqi yaseNoordoewer, Naute Dam naseKonsberg adla ngokudibana neengxaki ngexesha lesivuno kodwa azikho kulo nyaka. Ingxelo yeFruitnet ithi uninzi lweediliya ezivunwa kwela lizwe kulindeleke ukuba zithengiswe kwilizwe loMzantsi Afrika ngobuninzi bayo.

Nangona kunjalo lengxelo ithi elalizwe lizimisele ukuqala ubudlelwane bokuthengiselana iidiliya namazwe aseMelika nasePeru.

UCarike Johnson weNamibian Grape Growers Association uthi libonakala likhona ithuba lokukhula kweendawo abathengisa kuzo iidiliya zabo.

“Imalike zehlabathi ziqalisa ukubonisa umdla omkhulu kwiidiliya zelizwe laseNamibia, ngoku kodwa ngeli xesha lokuphela konyaka, sivelisa iidiliya ezisemgangathweni,” kutsho uJohnson.

Uhambisa athi amafama weediliya eNamibia asebenza nzima ukusungula ubuhlobo neenkampani eziphambili kwihlabathi ukuze zithenge iidiliya zaseNamibia.

“Amafama wethu awalali buthongo encediswa kakhulu ngamafama oMzantsi Afrika ukufumana abathengi abatsha beediliya zethu,” kutsho uJohnson.

Inkampani uSun World ingene kwisivumelwano namafama ahlukeneyo kwela lizwe ukuze kuthengiselwane iidiliya, itsho ingxelo.

Iphondo leNtshona Koloni kweli lihamba phambili ngokuvelisa iindidi zeediliya eziphambili kwihlabathi. Amafama weli anolwazi olunzulu ngokuvelisa iidiliya.