Maziqhele ukubanjwa iinkomo

Amafama amnyama akudala ayewenza ngaphandle kwamathandabuzo umsebenzi wokuqhelisa iinkomo zawo ukuba zibanjwe nanini xa umfama efuna oko. Xa ukhangela amafama anamhlanje angabanikazi beenkomo ezingakuqhelanga ukubanjwa ngumntu.

Oku kwenza ingxaki ezininzi kwimpilo nobomi basezifama,kubasebenzi nakubanikazi beenkomo ezo. Iinkomo ezingaqhelanga kubanjwa zibayingxaki xa kufike ixesha lokuba zibanjwe zitofwe okanye zifakwe amacici. Ezifama lo msebenzi wokuseza amayeza nokufaka amacici wenziwa phantse mihla yonke,kodwa ziyingxaki iinkomo ezingaqhelanga ukubanjwa ngumntu.

Amafama asendulo abeyiqhelisa imfuyo ingakumbi iinkomo ngokuthi ziqhele ukubanjwa zisencinci zingamathole,oko kwenze ukuba zibazi ubuso bomntu nesandla somntu. Xa zixhelwa xa zilayishwa emithwalweni iinkomo ezingaqhelanga kubanjwa ngumntu ziyalwa,zingavumi kuthobela maxawambi kulimale abantu okanye babhubhe.

Kukho iindlela ezintsha zokuqhelisa inkomo ukuba ibanjwe,kodwa iindlela zakudala. Amafama akudala ayelima ekwathutha imithwalo ngenkomo,ngenxa yoko iinkomo zawo zazimazi umntu zikuqhelile ukubanjwa ngumntu. Ngaphandle kokuba oku kwakudala ubuhlobo phakathi kwenkomo nabanikazi bazo okanye abelusi,kodwa bekusenza umsebenzi ubelula.

Xa iinkomo zingakuqhelanga ukubanjwa ngezandla ngumnikazi wazo zilwela ukufa, maxa wambi zide nazo zenzakale zife zokufa. Iinkomo zizindidi ezinye zizindlobongela ngendalo yazo,kodwa ukuqheliswa ukubanjwa kwenza ukuba zonke ziqhele umntu zithobele ke ngoko. Iingcali ngokubanjwa kwenkomo zithi maziqhele ukubanjwa zisengamathole, oku kwenza ukuba zikhule zisazi isandla somntu zikuqhele ukubanjwa.Inkomo elithokazi eqhele ukubanjwa isencinci ithi yakuzala ithole kubelula ukuyibamba, isengwe ngaphandle kwengxaki.

Kodwa inkomo engakuqhelanga ukubanjwa ngumntu inika ingxaki xa kufuneka ukuba isengwe xa ithe yazala ithole. Inkomo enethole ke inobundlobongela noburhalarhume obugqithileyo xa izele ithole,lonto yenza ukuba ibeyingozi kwabo bazama ukuyibamba. Kumaziko emfundo ephakamileyo afundisa ngenzululwazi yempilo yezilwanyana eziquka iinkomo, kuyafundisa ukubamba imfuyo ngendlela eyiyo. Oku kukukhuthaza amafama ukuba aqhele ukufundisa imfuyo yawo ukuba iqhele ukubanjwa, ukuze mhla ngengxaki kubelula ukubanjwa kwayo.

Kwimiboniso yamafama eyenziwa mihla le sibona iinkunzi zeenkomo zibanjwe ngabantwana abancinci, oku kulula ngenxa yokuba ezo nkomo zikuqhelile ukubanjwa. Ziqalisa ukubanjwa zisencinci kakhulu,ziqheliswa abantu bekhaya zisencinci kakhulu lonto yenza ukuba zibazi zibamnkele nje ngenxalenye yempilo zabo.

Maxa wambi oku kunganceda naxa inkomo ziqhutywa okanye zibanjwa ngumntu ezingamqhelanga ukuba zilwe zingavumi kulandela lonto azama ukuyenza kuzo. Fundisani iinkomo zenu ukuba zikuqhele,zikwamnkele ukubanjwa ngabasebenzi benu ngamaxesha onke.