Ubusela bemfuyo yingxaki

Amapolisa namafama kuxoxwa ngemfuyo ebiweyo.

Ngamashumi amabini anesihlanu amawaka iziganeko ezichaziweyo zokubiwa kwemfuyo kweli loMzantsi Afrika phakathi konyaka ka2021 no2022. Kuthwa ngamashumi asibhozo epesenti ekhulwini iziganeko zokubiwa kwemfuyo ezingachazwanga ngabanikazi bazo emapoliseni.

Yilahleko yemali eqikelelwa kwibhiliyoni ezintathu amafama athi ajongane nayo ngenxa yokubiwa kwemfuyo yawo. Amatyala amaninzi okubiwa kwemfuyo awanamkhondo, kukwakho isityholo sokuba maninzi amapolisa ayinxalenye yokubiwa kwemfuyo. Amasela emfuyo asebenzisa ugonyamelo xa efuna imfuyo kwabo bafuyileyo.

Oku bakwenza ngokuthi bangene emakhayeni wabafuyi bathathe izinto abazifunayo bahambe besiya kuthengisa kwiindawo ezikude. Amaxesha amaninzi imfuyo ibiwa ngenxa yolwazi olusuka kumntu okufutshane kumfama lowo ngokunikisa ngolwazi nezinye iinkcukacha.

Zikho iinkampani ezifana neFarmRanger ezifaka izixhobo ezithile entanyeni yeegusha, ezi zixhobo zichaza indawo ekuyo imfuyo leyo. Ukusebenzisana kwamafama, abahlali kunye neeNkosi kungakuphelisa ukuthathwa kwemfuyo yabantu ngamasela. Abafuyi bayoyika ukuthetha ngamasela kuba ingabantu abahlala bexhobile kwaye kuthwa banobungozi.

Ngenxa yalemeko amafama amaninzi azifumana ekwimeko yokophukelwa yimpilo ngenxa yokuthathwa kwemfuyo yawo. Kumanye amakhaya ikati ilala eziko ngenxa yokuba umnikazi wefama ethathe isigqibo sokuvala okanye uphungula amanani wabasebenzi ngenxa yokubelwa imfuyo.

La masela awagqibeli ngokuba imfuyo koko ayazithatha nezityalo maxa wambi kuba injongo yawo kukuvisa kabuhlungu umfama, logama esenza imali. Amafama akhuthazwa ukuba azixele iziganeko zokuthathwa kwemfuyo, angene kumaqela wamafama alwa ukubiwa kwemfuyo.

Ukanti akho amaqela asekuhlaleni alwa ulaphulo mthetho asebenza nzima ukuncedisa ukulwa ukubiwa kwemfuyo. Ukuchazwa kwezi ziganeko emapoliseni nakomkhulu kuncedisa ukuba kubekho ulwazi oluthe bhazalala malunga nale ngxaki.

Amafama achitha imali eninzi ezama ukukhusela imfuyo yawo, oku kuphazamisa iinkqubo zokuchitha imali kuphuhliso lefama leyo. Amafama anemali asebenzisa imali efaka ikhemera kwifama zawo endaweni yokugxila kumalinge okukhulisa umsebenzi wabo. Kukho ulwazi lokuba amasela anikwa imali encinci kakhulu ngabo bawathuma ukuba ebe logama bona besenza imali. Kuthwa amasela emfuyo aqhagamshelana namasela wemfuyo nakwamanye amaphondo.

Kubanjwe abantu abangabemi belizwe laseLesotho kweli kwimida beqhuba imfuyo ebiweyo ukuba iwele umda ukuya kwilizwe labo. Amafama ahlala ebongoza uRhulumente kazwelonke mihla le ukuba aphucule ukhuseleko ezifama.