UJudy Stuart yintshatsheli kwezolimo

Umfama wodumo uJudy Stuart.

Ngaphandle kokuba ngumfama ovelisa ubisi ngeenkomo zakhe ezingaphezulu kwamawaka amabini, uJudy Stuart uxhobisa ngamandla amafama amnyama asakhulayo.

Ngenkampani yakhe ekuthiwa yiFuture Farmers, uJudy ujikeleza kuMzantsi Afrika nakwihlabathi evula amathuba ukunika amafama amancinci ithuba, ingakumbi amafama amnyama.

Inkampani yakhe iFuture Farmers isungulwe ngonyaka ka2006, kwaye oku kumnike ithuba lokudibana namafama amatsha amaninzi.

“Enye yeendlela esincedisana ngayo namafama asakhulayo kukuwathumela kumazwe ehlabathi aquka iNew Zealand, Australia naseMelika,” kucacisa uJudy Stuart.

Uthi lamafama abuyela eMzantsi Afrika ukuze axhobise amanye amafama amatsha ngolwazi nezakhono azizuze kwihlabathi. UJudy ngumfama ozinze eHowick kwiphondo laseKZN apho avelisa khona ubisi kwifama yakhe.

“Zininzi iimbasa endizifumene ngenxa yalo msebenzi apha eKZN nakuzwelonke, iimbasa ezifana ne-Inyathelo Award kwakunye neStandard Bank KZN Top Business Women nezinye ezininzi,” uqhayisa atsho uJudy Stuart.

Ulutsha olungaphangeliyo oludibana noJudy lufumana ithuba lokufunda ngokulima nokufuya ukuze kamva lukwazi ukuzimela luze lulime, lufuye, kwaye luthengise.

Uthi oku ukwenza kuba ezama ukulwa iingxaki zokunqongophala kwemisebenzi kwiindawo ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika.

“Alikho ikamva kwezolimo ukuba sishiya ngasemva abantu abatsha, ayabhubha amafama amadala, ahlaselwa zizifo nezinye iingxaki ngoko ke kumele ukuba kubekho ihlumelo emva kwabo,” kutsho uStuart.

UJudy ujikeleza ezikolweni nakwiiKholeji efundisa ekwakhuthaza abantu abatsha ukuba balime okanye bafuye apho banokukwazi khona.

“Sibafundisa kwimikhakha eyahlukeneyo ukufuya nokulima, balima izinto ezininzi bekwafuya izinto ezahlukeneyo, uninzi lwabo luncedwa luthando olungazenzisiyo lokulima nokufuya,” kutsho uJudy Stuart.

UThembinkosi Baleni ngomnye wamafama amancinci athe axhamla kwiinzame nemisebenzi eyenziwa nguJudy kweli loMzantsi Afrika.

“Sele ndisuka kusebenza kwilizwe laseAustralia ngenxa yokuba wandivulela amathuba kwela lizwe, ndisebenze apho nje ngomphathi wefama yobisi,” kutsho uBaleni.

Kuninzi lweenkomfa neengqungquthela zamafama, uJudy Stuart unikwa iqonga lokukhuthaza nokucebisa amafama ngeendlela ezininzi.

“Sele ndimdala kakhulu kwaye ndinqwenela ukushiya umzila oza kuba luncedo kwabo baza emva kwam, kwaye baqhubeke nokuvelisa ukutya eMzantsi Afrika,” kutsho uJudy Stuart.