Bafuna uMadonsela akhokele iNPA

IQELA lamakhosikazi anefuthe eluntwini liphumele elubala lugaya inkxaso eluntwini lufuna obesakuba nguMkhuseli woLuntu u-Advocate Thuli Madonsela abeyintloko yeGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA).

Ekuqaleni kwenyanga ephelileyo iNkundla ePhakamileyo yasePitoli yagweba ngelithi intloko yeNPA uShaun Abrahams makakhwelele kwisikhundla sakhe, ngelithi inkqubo yokuqeshwa kwakhe kwesi sikhundla yayizele ityheneba.

Le Nkundla ikwagwebe ngelithi uSekela Mongameli welizwe uCyril Ramaphosa, osele enguMongameli weANC ngoku, mayibenguye owonyula intloko yeNPA.

Lo ngumsebenzi ebekufanele ukuba wenziwa nguMongameli welizwe uJacob Zuma, kodwa ngenxa yokuba iijaji zenkundla zoyikisela umkhethe, zatyumba uRamaphosa ukuba achophele lo mbandela.

UZuma ebekwavakalise ukuba uyabhena kwesi sigwebo ngelithi nguye yedwa ebekufanele ukuba wenza umsebenzi wokutyumba intloko yeNPA.

Obesakuba lilungu lePalamente leANC uVytjie Mentor ubhale kuFacebook kule veki, eqhoboshela iwebhusayithi ethi: www.change.org, apho ebecela uluntu ukuba lumncedise ngemityikityo yokuxhasa iphulo lokumemezela uRamaphosa ukuba atyumbe uMadonsela njengentloko yeNPA.

Uninzi lwabantu abalandela uMentor kuFacebook lubonakalise ukusixhasa esi simbonono, satsho sinqwala ngelithi siyatyikitya kule webhusayithi.

Kwinyanga ephelileyo, umzukulwana wobesakuba nguMongameli weli uNelson Mandela, uNdileka Mandela, nawe wabhala kuFacebook wakhe ecela inkxaso yabantu ukuba bamncedise akhulise iphulo lokuhlaba ikhwelo kuRamaphosa ukuba atyumbe uMadonsela njengentloko yeNPA.

UMadonsela, intshantliziyo lamalungelo oluntu, uzigqamise kakhulu ngethuba enguMkhuseli woLuntu apho phakathi kwemisebenzi ayenzileyo ibiluphando malunga nokusetyenziswa kwemali yabarhafi ngendlela etenxileyo ngethuba kwakusakhiwa ikhaya likaMongameli Zuma eNkandla.

UMadonsela ukwazigqamise kumsebenzi wokukhupha ingxelo malunga nosapho lakwaGupta, ekwavela ukuba lasebenzisa igunya elingenaxabiso kulo lodlakathelisa umbuso, ngelinye ixesha likwasebenzisa amagunya angengowalo ukutyumba abaphathiswa kumbuso kaZuma.