Abuyela eMbhashe kwakhona amanqindi

Usompempe wamanqindi, uNamhla Tyhuluba nembethi manqindi

Abuyela eMbhashe kwakhona amanqindi emveni kwexesha elide. Njengokuba izakube iyimpelaveki yokubhiyozela inyanga yamafa namagugu esizwe, uMbhashe Municipality, ebambisene nenkampani yamanqindi, Isizwe Boxing Promotions, uzakusingatha ingxikela yetumente yamanqindi kuGatyane ngentsimbi yokuqala emini, ngoMgqibelo.

Kule tumente kuzakube kukho imilo elishumi, umlo omkhulu onemijikelo elishumi, uphakathi kukaSithupha Solwethu waseMthatha, ocel’ umngeni kuXolisa Magusha waseMdantsane – intshatsheli yeMinifly-weight.

Umthelekisi we-Isizwe Boxing Promotions, uNkosana Ntsikayesizwe Sigcawu, uthi uyayivuyela into eyenziwe ngumasipala waseMbhashe oxhase le tumente.

“Sihlaba ikhwelo kubo bonke abathandi bamanqindi ukuba baphume ngobuninzi babo bayokubukela imilo elishumi ngoMgqibelo, kuGatyane. Sibulela umasipala osinika inkxaso rhoqo sisindleka amanqindi,” utshilo uSigcawu.

Imilo ime ngolu hlobo: * -Aphelele Nkina uzakulwa noLusizo Manzana, uSikhokele Yozi uzakulwa noMasixole Langa, uHlanga Nkanzi uzakulwa noSimphiwe Mayeza. Le milo izakuthatha imijikelo emine kuphela.

Lo gama imilo ezakuthatha imijikelo emithandathu iquka okaSiphosethu Ncisane ozakube exhimfana noLoyiso Ngantweni, uSinethemba Magibisela uzakulwa noMbulelo Nxazonke, uSebelomzi Zimela uzakuqhekezana noThembani Okolo, uNdikho Magadaza uzakulwa noMpumelelo Nkenkeni, * -Unathi Mndwana uzakulwa noSiyamthanda Mbande kunye nomlo ozakube utshayelela owemijikelo elishumi nozakube uphakathi kukaNwabisile Cholani noXolani Zindlo.

Inkosana yesizwe samaXhosa uSigcawu, uthi le tumente yamanqindi iyinxalenye yenyanga yamafa namagugu esizwe.

USodolophu woMasipala waseMbhashe, uSamkelo Janda, kulindeleke ukuba azimase le tumente yamanqindi.