Akayithandanga uEric Tinkler eyokugolozelwa yiChippa United emdlalweni wayizolo

Ubuyele eKapa ephoxekile uEric Tinkler emva kokuba iCape Town City ingakwazana ukufumana amanqaku amathathu emdlalweni obuyizolo. Iqela likaTinkler, iCape Town City, libambene ngeqanda neChippa United egolozileyo emdlalweni weDStv Premiership obuseNelson Mandela Bay Stadium. Ukuba iCape Town City ibikwazile ukuphumelela, lo nto ibiza kuyibeka kwindawo yesibini emva kweMamelodi Sundowns esele iziintshatsheli zeDStv Premiership. Iqela laseKapa lihleli kwindawo yesithathu ngoku emva kokuqokelela amashumi amane anesihlanu emidlalweni engamashumi amabini anesixhenxe eliyidlalileyo kule sizini.

“Ukuba ndingathetha inyaniso, iziphumo zalo mdlalo zindiphoxile. Unobangela wokuphoxeka kwam kukuba size siyazi indlela edlala ngayo iChippa United. Ishiya uEva Nga phambili yedwa, abanye abadlali bayokudlala emva,” utshilo uTinkler emva komdlalo. “Kwisigaba sokuqala somdlalo, sikwazile ukudala amathuba phaya naphaya – kodwa loo mathuba ebengacacanga ncam. UHugo Marques ubambe iibhola ezimbi emdlalweni – kodwa ngaphandle kwezo bhola, besihleli emhlabeni wayo iChippa United. Indlela ebesinikelana ngayo ibhola ebingaphucukanga kwaye namathuba ebenqongophele,” utshilo uTinkler.

Kwelinye icala, iChippa United ilamkele ngovuyo inqaku elinye ngoba liza kuyinceda njengokuba izama ukuphepha izembe phambili kokuvalwa kwesizini yeDStv Premiership phambi kokuphela kwenyanga. Kulindeleke iChippa izame ukulwela amanqaku amathathu xa idibana neBaroka FC emdlalweni oza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngoMgqibelo emalanga. Ikhuthazekile iBaroka FC emva kokuba ibethe iGolden Arrows ngegowuli elinye emdlalweni wayizolo ebusuku. Nayo iMaritzburg United ifumene ufunqu emva kokuba izibethele iRoyal AM esokolisayo ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni olidabi lobukhaya kwiphondo laKwaZulu-Natal.