‘Uthakathiwe’ ogwetyelwe urhwaphilizo!

Ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu (15) engaphakathi ejele ngenxa yokurhwaphiliza nokwehlisa imali ngomlenze uYandiswa Babalwa Mjikelo , 36, nobe ligqwetha kwifemu yakwaVapi Incorporated kwidolophu yaseMthatha.

UMjikelo wathi wasebenzisa gwenxa isikhundla sakhe sentembeko ngokuthi ebe imali wayisebenzisela izinto zakhe, mali leyo wayeyibela abantu abaswelekelweyo kwiimali ezazisetyenzelwe ngabangasekhoyo belungiselela ingomso lweentsapho zabo eziphilayo.

Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi esi sigwebo iNPA iyasamkela. Uqhuba uthi uMjikelo, phakathi kuka2017 no2019, wagqumza abantu abane ekwakufanele ukuba baxhamla kwiimali ababeshiyelwe zona zintsapho zabo ezingasekhoyo, waqala ngokuthatha iR128 000 weza ngeR1, 4mil. Ingxelo iqhuba ithi enye yale mali uMjikelo wayifaka kwezinye zeeakhawunti zakhe ezohlukeneyo, enye wayityala kwiBitcoin.

Amalungu osapho angamaxhoba emva kokukrokrela kwanokungoneliseki athetha nomlawuli weVapi Incoperated nowaye ngokukhawuleza wavula ityala emapoliseni.

UTyali uthi uMjikelo awakudizayo phambi kwenkundla wathi uthakathiwe ukuze enze oku kwaye ulawulwe ngusathana.

IEastern Cape Director of Public Prosecutions, uBarry Madolo, uthi esi sigwebo sibonisa ukuba iNPA izinikele ukulwa urhwaphilizo kwakunye namatyala akumila kunje.