Akazisoli uDomingo ngokubethwa kweProteas

Ukukhiqwa kweProteas kuludwe lemidlalo ye-ODI ibidlalwa ngamazwe aquka uMzantsi Afrika, iWest Indies ne- Australia iseyinto enzima bayiginye abantu abaninzi.

Umqeqeshi weProteas uRussell Domingo akazigxeki kakhulu yena, uthi unobangela ngabadlali abangaluthatheli ngqalelo uxanduva lwabo kwiqela lesizwe. Lo mqeqeshi uthi kufuneka iCricket South Afrika nayo ingenelele kumba wabadlali abaqotywa luxanduva lemidlalo engeyiyo eyeProteas.

“Ukubethwa kwethu kulandela emva kokuba abadlali bethu abaphambili bedlaliswa kakhulu,” utshilo izolo uDomingo. “Iyandixhalabisa kakhulu le nto. Yenye yezinto ekufuneka ndiziphakamise kwabo bandiphetheyo, xa ndifumene ithuba lokuhlala phantsi ndithethe nabo.

“Izinga lokuzimisela kunye nokulambela impumelelo liyehla xa usoloko udlala. Xa impumelelo ungasoloko uyifumana uye ungadlali ngokuzimisela kakhulu kuba awuqhelanga kuphumelela. Ininzi into eyenzekayo kula maqela mancinci. Andiyithandabuzi lo nto, awukwazi ukuzinikela wonke kwimidlalo yawo onke amaqela odlala kuwo. Kukhona indawo eza-kusilela,” utshilo uDomingo.

Emva kokuba zikhiqiwe iiProteas kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi, uDe Villiers uye wavuma ukuba bengabadlali bamphoxile umqeqeshi kunye nabaphathi, kolu luhlu lemidlalo.

Inyaniso engenakuphikwa kukuba umsebenzi kaDomingo njengomqeqeshi angaba sengcupheni nje- ngokuba kushiyeke iinyanga ezilishumi, kwisivumelwano sakhe sokusebenza kwiProteas.

UDomingo uyayazi ukuba isigqibo ngokuhlala kwakhe kwiProteas sixhomekeke kubaphathi bakhe, kodwa uyakholelwa ukuba usengoyena ufanelekileyo ukuthatha iiProteas azise phezulu.