Akhe phantsi isitya sigcwele kwakhona Amakhosi!

Lerato Lamola of Lamontville Golden Arrows closes in to defend the attacking Joseph Molangoane of Kaizer Chiefs FC during the Absa Premiership 2017/18 game between Golden Arrows and Kaizer Chiefs at Princess Magogo Stadium, KwaZulu-Natal on 24 April 2018 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Izinto
aziyihambelanga kakuhle kwakhona iKaizer Chiefs! Namhlanje icanjalaliswe
kabuhlungu yiGolden Arrows ngo’3-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obubanjelwe ePrincess Magogo Stadium. Amakhosi akhe phantsi isitya sigcwele
kwakhona emva kokubethwa yiFree State Stars ngo’2-0 kumdlalo weNedbank Cup. lo
nto ithetha ukuthi iChiefs ivulele amagowuli amahlanu wonke kwimidlalo nje
emibini. Ifolosi yeBafana bes’thende, uLerato Lamola, yiyo eyenze idemeshe
kungaphelanga nemizuzu engephi umdlalo uqalile. Iwasokolisile lo nto Amakhosi
ngoba kuye kwanyanzeleka ukuba asebenze ngakumbi. Izinto ziye zambi kwiqela
likaPatrick Mabedi emva kokukhutshwa kukaLeonardo Castro ofumene ikhadi
elibomvu ngenxa yokunyathela umdlali we-Arrows.

Oyena mdlali
othe waqaqamba nguLamola emva kokuba efake amagowuli amabini emdlalweni. Elesithathu
lifakwe nguNdwandwe emva kwempazamo embi eyenziwe nguDaniel Cardoso kwimizuzu
yokugqibela yomdlalo. Umdlalo ubumhle – kodwa yiGolden Arrows eqale yazicacisa
ukuba ifuna impumelelo emdlalweni. Ifake uxinizelelo kubadlali beChiefs basemva
abathanda ukubhutyuza ibhola kwiindawo ezimbi ebaleni. Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iqela likaClinton Larsen linkqenkqeza phambili. UBernard Parker uyinike
ithemba iChiefs ngegowuli lakhe alifake kwisigaba sesibi emva kokudlalelwa
ibhola entle nguJoseph Molangoane. Nakubeni iChiefs ibidlala kakubi ngenxa
yomdlali omnye ongekhoyo – kodwa izamile ngoba ikwazile ukuhlasela nokudala
amathuba emdlalweni.

Abafana Bes’thende
bahleli kwindawo yethoba kwiPSL emva kokuqokelela amanqaku amathathu emdlalweni
wanamhlanje. Kanti yona iChiefs iphoswe lithuba lokuya kwindawo yesithathu emva
kokulahla amanye amanqaku emdlalweni. Iinguqu ezenziwe nguMabedi azikwazanga
ukwenza umahluko nanamhlanje. Ngoku kufuneka aqwebe amaqhinga amatsha phambi
komdlalo wempelaveki, iChiefs, eyamkela iMaritzburg United kuwo eFNB Stadium.

 

Golden Arrows: Mbaeva, Mzava, Mathiane, Mngwenge, Nkombelo (Dube 72’), Zuke
(Phiri 46’), Ndwandwe, Shongwe, Magubane (Mahachi 67’), Venter, Lamola.

Amalalela: Gumede, Buthelezi, Dube, Phiri, Mahachi, Mutizwa,
Jappie.

Kaizer Chiefs: Khune, Mphahlele (Paez 85’), Cardoso, Mathoho, Masilela (Zulu
66’), Molangoane, Katsande, Maluleka, Tshabalala, Parker (Zuma 68’), Castro.

Amalalela: Bvuma, Ngezana, Zulu, Ekstein, Paez, Moon, Zuma.