‘Akukho mntu okhathalele umbhoxo wamanenekazi’

ULamla Coco Momoti, owayedlalela AmaBhokobhoko

Nangona uMzantsi Afrika ufuna ukugqwesa emdlalweni wombhoxo kwihlabathi jikelele kodwa incinci kakhulu inkqubela oyenzileyo embhoxweni wamanenekazi.

ULamla “Coco” Momoti, owayedlalela AmaBhokobhoko (Springbok Women) ukusukela ngo2003 ukuya ngo2017, uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba amanenekazi ayasokola embhoxweni kakhulu kwaye akukho mntu oyikhathaleleyo lo nto.

Yiminyaka engaphezulu kweshumi kuzanywa ukuqiniswa iqela lesizwe lamanenekazi.

Akukabikho nto iphucukileyo xa kuthethwa ngeemeko adlala phantsi kwazo amanenekazi nangona ekwazile ukuthatha uMzantsi Afrika awubeke kwindebe yehlabathi.

“Sasingahoyanga enye into ngaphandle kokuvuyela ukudlalela iSpringbok thina ngokuya sasisaqala ngo2003. Zazikhona iingxaki, nangoku zisekhona. Akukabikho mdlali onesivumelwano sengqesho nangoku ngoba akukho mntu owukhathaleleyo umbhoxo wamantombazana. UMzantsi Afrika khange uye kwindebe yehlabathi egqithileyo. Warhoxa ngelithi ufuna ukuphuhlisa abadlali. Zange ndikholwe seso sigqibo. Jonga sisemva nangoku xa usithelekisa namazwe afana nooNew Zealand,” utshilo uMomoti.

Ukungabikho kwezivumelwano zengqesho kwenza imeko yabadlali ibe nzima ngakumbi ngoba abakwazi nokuzithengela iikoksi noothayithi bokudlala. Njengokuba uLamla engumqeqeshi ngoku, uthi kuye kunyanzeleke bayokubolekela abantwana iikoksi phambi kwemidlalo ngoba abanazo.

Uthe abaphethe umbhoxo ephondweni laseMpuma Koloni akukho nxaxheba bayithathayo noxa iingxaki zamanenekazi embhoxweni bezazi.

“Imeko isembi nangoku, andifuni ukuxoka. Ngela xesha lethu umntu wayenikwa iR500. Kwakubabhetele xa iqela lakho liye kwisigaba esiphambili etumenteni ufumane iR1 500. Loo mali yayingakwazi ukuhlangabezana neemfuno zethu. Nanamhlanje, abantwana abakabinazo izinto zokudlala. Iqela elibhetele yiWestern Province ngoba yona inabo oomanejala noogqirha abajonga abadlali. Amanye amaphondo awanazo ezo zinto. Oko xa beza kudlala abantwana beqela lam (iKwaru Rugby Union) kufuneka sibabolekele iikoksi zokudlala. Yimeko embi yombhoxo walapha eMpuma Koloni ke leyo. Bayasokola abantwana kakhulu. Sesiphulukene nabadlali abathathu bonke kulo unyaka ngenxa yemeko yombhoxo. Abantu bayayeka ngoba kaloku inoba baya zibuza ukuba iR500 baza kuyithini,” utshilo uCoco.

Ayenzanga zwi iEastern Cape Rugby United emva kwemibuzo eyithunyelelweyo.