Alicacanga ikamva lomdlali weKaizer Chiefs

Njengokuba kuphela unyaka, kusondela ixesha lokuhamba kwabadlali kumaqela athile. Umdlali odlala ephikweni kwiKaizer Chiefs, uWilliam Twala, ngomnye wabadlali onekamva elingacacanga kakuhle.

Oku kulandela ukungafumani kwakhe ithuba lokudlala kwiChiefs kule sizini.

Bekukho iingxelo ezithi lo mdlali angaya kwiFree State Stars – apho kucingeleka ukuba angafumana ithuba lokudlala, kodwa umphathi wakhe uTim Sukazi weQualitty Talent Sport uthe lo mdlali uzakuhlala kwiChiefs.

“UTwala usengumdlali weChiefs kwaye usezakuba ngumdlali wayo. Into yokuhamba kwakhe ayikho. Lulwimi nje olu lusasazwa ngabantu,” utshilo uSukazi.